URodgers noZulu banekhaya elitsha

Iqela laseGoli, iBidvest Wits, libhengeze ifolosi yePlatinum Stars, * -Eleazer Rodgers nomdlali wasemva weJomo Cosmos, uPentjie Zulu njengabadlali balo phakathi evekini.

URogers ngumdlali owaziwa kakhulu ngokufaka amagowuli, ngakumbi ngentloko. Asixhenxe amagowuli uwafake edlalela iPlatinum kwisizini ephelileyo, kwaye usabonwa njengenye yeefolosi ezibukhali eMzantsi Afrika noxa engadlalanga yonke imidlalo.

Kuyabonakala iWits isazimisele ngokuzama kwakhona ukufumana indebe yePremeir League kwisizini ezayo. Emva kokuthotyiselwa kweCosmos kwisizini ka’2015/16, iWits ithathe umdlali wasemva uPentjie Zulu.

Njengokuba iWits ibambe indawo yesibini kwisizini ephelileyo, kulindeleke ibuyele kwimidlalo yeCaf kunyaka ozayo.

Le yindlela yokulungiselela lo midlalo njengoko wayetshilo uGavin Hunt kwinyanga ephelileyo ukuthi ukuze adlale imidlalo ye-Afrika kufuneka abenabadlali abasemgangathweni ophezulu. Omnye umdlali ongakhululwa yiPlatinum nguTlou Segolela.

Lo mdlali owayedlalela i-Orlando Pirates udlale nje imidlalo elishumi kwiDikwena. Akukacaci ukuba uya kweliphi na icala.