Umthelekisi ophambili kwicandelo lezamanqindi, uRodney Berman, uthi uza kuthetha nabaphathi bakaLusanda Komanisi noTshifhiwa Munyai ukuze baphinde balwe. Oku kulandela umlo wentshinga yeLightweight ophunyelelwe nguKomanisi ngendlela ekhwinisayo kwimpelaveki egqithileyo. “Ndinqwnela ukwenza impinda yomlo. Kukho ijaji emdlele indlala uMunyai. UKomanisi ebewisiwe – kodwa kuthiwa uyiphumelele imijikelo elithoba kwelishumi elinambini. Ayikwazi ukwenzeka into enjalo,” utshilo uBerman weGolden Gloves Promotions koonondaba. Iingxelo zithi naye uKomanisi wothuke wanyembezana emva kokuxelelwa ukuba umlo uphunyelelwe nguye endaweni kaMunyai oye wafa isiqaqa.
Iijaji zizinike iimbethimanqindi amanqaku ngolu hlobo: 117-110, 114-113 no-115-112. Uvumile uKomanisi ukuba akaqondi ukuba ufumene amanqaku abenomenza awuphumelele umlo – kodwa uzamkele iziphumo zomdlalo ngoba zikhutshwe ngabantu abanegunya lokuphatha umlo. “Ndifuna ukuthetha inyaniso, bendisithi sibambene kulo mlo wanamhlanje. Kukho imijikelo endingaqhubanga kakuhle kuyo – kodwa ke, umgwebi ayindim,” utshilo uKomanisi emva kokuphumelela umlo. UMunyai, okhe waxhatshazwa ekuqaleni, uye wabuya ngamandla wamwisa uKomanisi kumjikelo wesithandathu. Ngokuhamba kwemijikelo, ukuzithemba kuye kuye kwakhula kuMunyai obekucingeleka ukuba angathi kratya kuKolanisi aphumelele nomlo.
Noxa abalandeli bakaKolanisi bekuvuyele ukuphumelela kwakhe – kodwa kukho nabo bangakholwanga yindlela aphumelele ngayo. Akukacaci nokuba impinda yomlo inganini na okwangoku ngoba azikaqali iingxoxo. Kwitumente ebiseMthatha ngempelaveki: uLuthando Mbumbulwana waseNyandeni ubethe uSonwabile Marenene waseGqeberha emlweni wetayitile weJunior Featherweight. UNangamso Saba ubethwe ngamanqaku nguAbongile Jacobs waseMonti. UPapama Ronorono uwise uSiphenathi Ntozini kumjikelo wesibini kwaphela ngaye. Komnye umlo, uZubonge Nocele uzibethele uAsiphile Xhipholwana ongqengqe engondlalelwanga kwiholo yase-O.R.Tambo Municipality.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!