URoger De Sa ngumqeqeshi omtsha wePlatinum Stars

Roger De Sa. Umfanekiso: Maritzburg United Facebook

Emva kwesithuba nje seeveki ezintantu isizini ye-Absa Premier Soccer League ka-2017/18 sebebabini abaqeqeshi abanikwe uphumaphele kumaqela abebewaqeqesha. Owokuqala umqeqeshi ugxothwe yiFree State Stars emva kwemidlalo nje eminibi eyidlalileyo. Kwalandele uMngesi, uPeter Butler, naye emva kwemidlalo nje emibini. UButler uqeshwe yiDikwena phambi kokuqala kwale sizini endaweni kaCavin Johnson – owahambayo emva kokungahlaziywa kwesivumelwano sakhe sengqesho.

Namhlanje iPlatinum Stars ibhengeze uRoger De Sa njengendoda ezikuxhuzul’ imikhala kweli qela ukusukela ngoku ukuya phambili. UDe Sa ukhe wathi khebevu okwethutyana emva kokulahla kwiMaritzburg United ebeyiqeqesha kwisizini ephelileyo. Lo mqeqeshi mtsha kuzawunyanzeleka ayitshaye isaqhuma futhi aqinisekise ukuba uguqula imeko yeli qela laseMntla-Ntshona ngoba alikwazanga ukuphumelela kuyo yomibini imidlalo eliyidlalileyo kule sizini. Kumdlalo weStars olandelayo izakudibana neSuperSport United kumdlalo wePSL ngokuhlwa ngoLwesibini, eLucas Moripe Stadium.