URoger De Sa uncwase isikhundla kwiBafana

Obeqeqesha iMaritzburg United, uRoger de Sa, unomnqweno wokusebenza noStuart Baxter njengesekela lakhe kwiBafana Bafana.

Lo kaDe Sa akanamsebenzi okwangoku emva kokushiya iMaritzburg kwinyanga ephelileyo. Izikhulu zeSafa zikhangela umqeqeshi omtsha emva kokugxotha uShakes Mashaba ekupheleni konyaka ophelileyo.

“Okwangoku, akukabikho mntu ondikrwecileyo kwiSafa. NdiseKapa nosapho lwam ngoku. Ukuba kunokwenzeka ndinikwe ithuba lokuba lisekela-mqeqeshi, ngekhe ndilikhabe elo thuba. Ukusebenzela iqela lesizwe yinto enkulu kakhulu kum,” utshilo uDe Sa kwiSolezwe.

Kungoku nje iSafa ixoxa noBaxter emva kokunikwa imvume yokuthetha naye yiSuperSport United. Iingxoxo kulindeleke zisongwe ingafikanga iveki ezayo.

Ukubuyela kukaBaxter kwiqela lesizwe kwenzeka emva kokuba iSafa ingakwazanga ukufumana uCarlos Queiroz.

Kanti kwelinye icala kuvakala iindaba ezithi iSuperSort ijonge uDe Sa njengomqeqeshi ongathatha indawo kaBaxter ukuba ude wahamba.