URoger De Sa unikezele….

Roger De Sa ebefudula eqeqesha i-Ajax Cape Town. Umfanekiso: BackpagePix

URoger De Sa ugqibe kwelukuba alahle njengomqeqeshi we-Ajax Cape Town emva kwemidlalo embalwa iqalile isizini yePSL ka’2016/17.

Iziphumo ezingancumisiyo zizo ezityhale le ndedeba ukuze ide ihambe kweli qela laseKapa.

“Ndibulela inkxaso yabaphathi be-Ajax, oogxa bam nabadlali ngokubanzi abandinike yona kule minyaka mibini enesiqingatha ndikweli qela. Bendonwabele ukusebenza nabadlali abasakhulayo. Bendisoloko ndinethemba lokuba sakude sifumane iziphumo ezincumisayo – kodwa akubanganjalo. Ndinqwenelela wonke umntu kuquka nabalandeli impumelelo,” utshilo uDe Sa kwikhasi lomnatha le-Ajax.

Nayo ingqonyela ye-Ajax, u-Efstathiou, imbulele uDe Sa ngokwenza umsebenzi omhle ngethuba engumqeqeshi we-Ajax.

Le ndedeba yakwaDe Sa iyinikela umva i-Ajax iphumelele indebe yeMTN8 kunyaka ophelileyo.

Abaphathi be-Ajax abalali buhlayo bakhangela umqeqeshi omtsha nozakuthi aphucule imeko elikuyo eli qela kwiPSL. Kunokwenzeka eli qela lijonge abaqeqeshi abafana noRuud Krol nabaziwayo kakhulu kwibhola yaseMzantsi Afrika ukuba alifumani mntu ofanelekileyo.