URoger De Sa uyakuvuyela ukuqeqesha iMaritzburg

Umqeqeshi weMaritzburg United uRoger De Sa

Indlela abahloniphana ngayo uRoger de Sa noFarook Kadodia ilikhonkco phakathi elibadibanisayo kwaye yilo nto eyenze basebenze ndawonye.

Emva kwesithuba seenyanga ezimbini uDe Sa engesebenzi, ekuqaleni kwale veki ubhengezwe yiMaritzburg United njengomqeqeshi wayo omtsha.

Lo mqeqeshi, obefudula eqeqesha amaqela afana ne-Orlando Pirates ne-Ajax Cape Town, ungena endaweni ka-Ernst Middendorp ohambe kunyaka ophelileyo.

Isivumelwano sengqeshi sikaDe Sa seseenyanga ezintandathu – kodwa singavuselelwa ngemibini ukuba umtshato uhamba kakuhle.

URoger uhleli kwi-Ajax iminyaka emibini, wayinceda ukuze ifumane iMTN 8 ngo’2015, phambi koko wasa i-Ajax kumdlalo wokugqibela weNedbank Cup – eyabethwa kuwo yiMamelodi Sundowns.

Ufika kwiMaritzburg namava awafumene kumaqela afana ne-Orlando Pirates neBidvest Wits awaqeqeshe kwiminyaka edlulileyo. Nangona iyiqale kakubi le sizini iTeam of Choice – kodwa uFadlu Davids wenze umsebenzi oncomekayo ngoku ihleli kwindawo yeibhozo. Ulwamkele uRoger De Sa uxanduva kwaye uzimisele ukusebenza ngokuzimisela.

“Kumnandi ukuba lapha. Ziliqela iindawo endifunwe kuzo – kodwa ndiye ndazinika ithuba lokucinga ngokundilungeleyo. Ubuhlobo obuphakathi kwam noKadodia bukhule kakhulu kule minyaka idlulileyo. Ubukho bam apha yinto emnandi. Bekungabilula xa ndityelele apha ngoba bekubanzima ukubetha iMaritzburg United. Zezo zizathu ezibe nomthelela kwisigqibo sam. Iqela lihle futhi lomelele. Ziindawo ezithile esinoziqhosha – kodwa zizinto zasebholeni ezo,” utshilo uDe Sa.

UKadodia, usihlalo weMaritzburg, uthe into ayilindeleyo luzinzo kwiqela lakhe ukuze liphephe okwenzeke kwisizini edlulileyo.