URoger de Sa uyishiyile iMaritzburg United

URoger de Sa ulahlile namhlanje njengomqeqesho oyintloko weMaritzburg United.

Emva kweenyanga ezintathu uRoger de Sa engumqeqeshi weMaritzburg United, namhlanje abalandeli bebhola bothuswe ziindaba ezithi ulishiyile eli qela. Ukulahla kwalo mqeqeshi akukacaci kakuhle ukuba kuphenjelwe yintoni okwangoku. Ngethuba uDe Sa eqeshwa [endaweni ka-Ernst Middendorp – olahle ekupheleni konyaka ophelileyo] leli qela laseMgungundlovu, usihlalo walo, uFarook Kadodia, wakuvuyela ukufumana umqeqeshi okumgangatho wakhe.

UDe Sa, osele esuka kumaqela afana neBidvest Wits, i-Ajax Cape Town ne-Orlando Pirates, akakwazanga kwaphela ukufumana iziphumo ezincumisayo xeshikweni ekwiTeam of Choice. Nangona bekungekho xinizelelo lungako obelubekwe kuye ngabaphathi ngenxa yobuhlobo anabo noKadodia – kodwa kunokwenzeka ukungaqhubi kakuhle kweqela kuko okumnyanzeleyo.

Kwimidlalo esixhenxe edlalwe phantsi kwakhe uRoger, iMaritzburg United iphulukene nemidlalo emihlanu yonke, iphumelele wamnye qha yaze yadlala ntanganye komnye. Usihlalo weli qela uthe uFadlu Davids uzakuxhuzula imikhala kude kuphele isizini.

“Umqeqeshi uthe kum ulahlile kuba kufuneka abuyele eKapa – apho kukho imicimbi yekhaya emfunayo. Kuye kwanyanzeleka ndiyihloniphe ke lo nto. Uhleli kuthi iinyanga ezintathu – kodwa ke mandilibulele ixesha alichithe apha. Simnqwenelela okuhle. UFadlu uzakuthatha iintambo kude kuphele isizini,” utshilo uKadodia kwingxelo ekhutshwe yiMaritzburg United namhlanje.