URonwen Williams utyala ithemba ebantwaneni abakhulayo eGqeberha

URonwen Williams ngumdlali weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: ©Gavin Barker /BackpagePix

Emva kokuphetha isizini ekuqaleni kwale nyanga yeSilimela nasemva kokunceda iqela lesizwe, uRonwen Williams obuyele kowabo eGqeberha – apho aphehlelele khona iphulo lakhe lokunceda ulutsha. Kwimpelaveki egqithileyo, uWilliams uphehlelele iqumrhu lakhe elingenzi nzuzo ekuthiwa yiR30 Foundation eququzelele itumente ebibanjelwe kwisikolo sakhe sakudala iGelvandale Primary School.

UWilliams ukuchaze ukubuyela apho wakhulela khona ngendlela ekhethekileyo nokuzalisekiswa kwephupha lakhe. “Okundonwabise kakhulu kukubalapha ngoba ndibuyele ekhaya ngenjongo yokunika ithemba abantwana abasakhulayo. Ukunceda izikolo zale ndawo nokuphehlelela iR30 Foundation yinto eneminyaka ndifuna ukuyenza.

Ndiyavuya izinto zide zenzeka emva kokuphazanyiswa zizinto ezifana neKhorona nokuxakeka,” utshilo uWilliams ethetha noSABC Sport. “Sibone ukuba masiqale lo msebenzi ngezi ntsuku zolutsha ngoba sifuna ukukhuthaza ulutsha. Akukho ntsuku zokwenza le nto esiyenzayo ezogqitha usuku lolutsha (June 16),” utshilo uWilliams ethetha ngempelaveki kuSABC Sport.

Emva kokushiya ikhaya lakhe eneminyaka elishumi elinambini waya kwiSuperSport United ngoku ubuya sele engunozinti ophambili kwiMamelodi Sundowns, kwiqela lesizwe nakwizwekazi le’Afrika. Akukho mntu onokunika ithemba abantwana abasakhulayo ngaphezulu kwakhe uWilliams owaqala esemncinane ebholeni ekhatywayo wade wamdala esebenza ngokuzimisela.

Umyalezo weR30 Faoundation uthi ‘kulungile ukuphupha’. Kumnandi ukuxelela abantwana ukuba ndandilapha kudala sikhuthazwa nguAlviro Peterson, namhlanje ndim owenza lo nto. “Lifikile ixesha lam lokuba ndabelane nabantwana ngolwazi namava endiwafumeneyo ebomini bam. Ndifuna ukubanika ithemba.

“Kufuneka bazi ukuba nokuba kunzima kangakanani, akukho nto engenakwenzeka. Ndifuna ukubazisa ukuba amaphupha wabo aza kujika abe yinyaniso ngenye imini,” utshilo uWilliams onwabile kwenye yeendawo ezixikixwa lulwaphulo lomthetho eGqeberha. Emva kokuya kwiSundowns, igama likaWilliams likhule ngakumbi ngoba ufumene ithuba lokudlala noompetha ebholeni yase’Afrika nakwihlabathi xa edlalela iqela lesizwe lebhola ekhatywayo.