URulani Mokoena uzinike iwonga phambi kokuvalwa kwesizini

Emva kokuba iMamelodi Sundowns iphumelele umdlalo ogqithileyo, uRulani Mokwena uxelele iintatheli ukuba nguye ofanelwe liwonga lomqeqeshi wonyaka. Ukuthethe oku emva kokuba iSundowns ibethe iStellenbosch FC ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e’Athlone Stadium.

Ngokuphumelela kwayo umdlalo ogqithileyo, iSundowns yophule irokhodi layo lamanqaku angamashumi asixhenxe ananye emva kokubhalisa amanqaku angamashumi asixhenxe anesibini ingaphulukanga namnye umdlalo kule sizini.

Konke oku kwenzeka iSundowns seyinethuba elide izazi ukuba iziintshatsheli zeDStv Premiership ityeli lesixhenxe iisizini zilandelelana. Nangona kunjalo, iSundowns iza kunikwa indebe yayo emva kokuba idlale neTS Galaxy neCape Town City emidlalweni yayo elandelayo kule veki.

Ngenxa yomsebenzi owenziwe yiSundowns kule sizini evalwayo, umqeqeshi weSundowns uveze uluvo lwakhe ngoyena mntu ofanelwe kukufumana iwonga lomqeqeshi wonyaka. Kulindeleke ukuba akhuphisana nabaqeqeshi abaquka uSteve Barker weStellenbosch noJose Riveiro wePirates abaphumelele iindebe.

Ngoba lisoloko linikwa umqeqeshi ophumelele indebe yeDStv Premiership, uMokwena uthe lifanele yena. “Iwonga lomqeqeshi wesizini lifanele ukunikwa mna, ndicinga njalo,” utshilo uMokwena ephendula imibuzo yeentatheli eKapa ngempelaveki.

Uvumile kekodwa ukuba uSteve Barker noJose Riveiro ngabaqeqeshi abenze umsebenzi oncomekayo kule sizini. “Ndicinga ukuba umqeqeshi ophumelele indebe yeDStv Premiership ufanelwe liwonga – kodwa nakubeni kunjalo, ndifuna ukuwuncoma umsebenzi owenziwe ngabaqeqeshi abafana noSteve kwiStellenbosch.

“Kwelinye icala kukhona okuhle okwenziwe nguJose Riveiro. Kodwa ngaphandle kokuvakala okomntu ozixelelayo, ndicinga ukuba iwonga liza kunikwa mna futhi andithandabuzi,” utshilo phambi kokuthetha ngendlela aziva ngayo ngeSundowns eqwabaze irokhodi layo ngempelaveki.

“UJurgen Klopp wake wathi akubalulekanga kuye okwanzileyo, okubalulekileyo yindlela abaza kumbona ngayo abantu emva kokuba ehambile. Mhlawumi ndiziva ngolo hlobo ngerekhodi leSundowns. Ndifuna ukuncoma abadlali ngoba yinto ekunzima ukuyenza futhi ekuza kuba nzima ukuyiphinda kwixesha elizayo,” utshilo uMokwena. Ngomso iDowns iza kudlala neTS Galaxy ngorhatya.