Emdlalweni olawulwe yiMamelodi Sundowns ukusukela ekuqaleni ukuya ekugqibeleni, ukungaphumeleli kwayo kumshiye eyinkukhu esikwe umlomo uRulani Mokwena. Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns ebikhokela ngegowuli iguqiswe phantsi yi’Orlando Pirates efumene amagowuli amabini emdlalweni obutaka iintlantsi eMbombela Stadium ngorhatya loMgqibelo ogqithileyo. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguPatrick Maswanganyi noRelebohile Mofokeng kwisigaba sesibini somdlalo.
Bekufanele ukuba iDowns iwusonge kwangoko umdlalo – kodwa khange kube njalo ngenxa yepenela kaLucas Ribeiro evalwe nguSipho Chaine. IPenela efunyenwe yiPirates ayimonwabisanga uMokwena othe uziwisile uMaswanganyi echikwe nguAubrey Modiba wawa phantsi ebhokisini yomhlaba kanozinti.
Ethetha emva komdlalo, uMokwena uthe akanawo amazwi anakuchaza indlela ephulukene ngawo umdlalo iSundowns yakhe. “Andazi ukuba ndingayichaza njani into eyenzekileyo. Ndicinga ukuba siqale umdlalo kakuhle kakhulu,” utshilo uMokwena.
Ipenela evalwe nguChaine bekumele ukuba iwuguqule umdlalo – kodwa akubanga njalo. “Umdlalo wonke siwudlale kakhule. Sifumene ipenela ecacileyo. Emva kwayo umdlalo uye kwixesha lokuphumla kungekho qela elibhalisileyo ebhodini.
“Nakwisigaba sesibini sidlale kakuhle kakhulu futhi siwulawula umdlalo. Akumandanga ukulawula umdlalo udlala nePirates emva koko ungaphumeleli. Benditshilo ebadlalini bam ukuba imidlalo yendebe ayidlalwa nje, kufuneka bayiphumelele. Ezinye izinto azisihambelanga kakuhle,” utshilo uMokwena.
Uvumile ukuba ipenela ephoswe nguRibeiro ngeyiwenzile umahluko phambi kokuthetha ngepenela enikwe uMaswanganyi kwisigaba sesibini somdlalo. “Xa ndijonge ipenela enikwe iPirates, ndicinga ukuba nguMaswanganyi owise uModiba. Ndiyibukele kaninzi, bekufanele ukuba akohlwaywanga iSundowns.
“Andiqinisekanga ngokuwiswa kwakhe uMarcelo Allende nezinye izinto ezenzekileyo,” utshilo uMokwena ophulukene nomdlalo wakhe wesibini kwisizini yeDStv Premiership ka2023/24. Oku kulandele ukubethwa kweSundowns ngegowuli yiCape Town City emdlalweni wokugqibela weDStv Premiership.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!