Owayengumqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uthi ingqondo yakhe uyibeke emsebenzini wakhe kwiqela laseMorocco kwaye angabuyela ebholeni yaseMzantsi Afrika xa kusondele ixesha lakhe lokuyeka ukuqeqesha. UMokwena, 38, ukuthethe oku kutshanje kwincoko yakhe nentatheli yeCAF TV.
Ekupheleni kwesizini kunyaka ophelileyo, uMokwena wagxothwa yiSundowns ngendlela engaqondakaliyo. Waye wathathwa yiWydad Athletic Club yamenza umqeqeshi wayo emva kokungaqhubi kwayo kakuhle kwiBotola Pro League kwisizini edlulileyo.
Nakubeni ekuqaleni kwesizini izinto bezithembisa – kodwa kubekho ukukhubeka kweWydad Athletic ehleli kwindawo yesithandathu ngoku emva kweRS Berkane ephezulu. UMokwena uxelele iCAF TV ukuba uzimisele ukukhangela amanye amathuba kumazwe aphesheya kolwandle xa esimka kwiWydad Athletic futhi akanaso isicwangciso sokubuyela ebholeni yaseMzantsi Afrika okwangoku.
“Xa ndihamba apha, ndinethemba lokuba ndiza kufumana amanye amathuba phesheya,” utshilo uMokwena ohambe kwiSundowns ephumelele inqwaba yeendebe. “Nakubeni ndibakhumbula abantu baseMzantsi Afrika – kodwa ndicinga ukuba ndingabuyela eMzantsi Afrika xa kusondele ixesha lokuyela ukusebenza. Ngoku ndichitha ixesha apha ngoba zininzi izinto endizifundayo endicinga ukuba ziza kuphucula umsebenzi wam.
Kodwa enye into ebangela ndifune ukuhlala apha kukuba ndifuna ukusondela kumathuba endingawafumana kumaqela amakhulu. Iqela endikulo lindinika ithuba elihle lokufunda nangentlalo yabantu abohlukeneyo. Liwonga kum ukusebenzela abantu abafuna ukuphumelela. Liqela elikhethekileyo iWydad futhi uthando lwam kuyo liyakhula yonke imihla,” utshilo uMokwena.
Useziseleni uGogo Maweni!