URulani Mokwena angayixhokonxa iPirates ngokufaka uLorch ngoMgqibelo!

Thembinkosi Lorch.

Nakubeni imidlalo yaphakathi evekini ihlehlisiwe yiPSL ngenxa yaBafana Bafana ababuyele ekhaya ngoLwesithathu wale veki – kodwa imidlalo yangempelaveki iqhubela phambili. Imidlalo yeDStv Premiership ikhe yanqumama inyanga yonke ngenxa yeAfrica Cup of Nations ebibanjelwe e-Ivory Coast.

Mininzi imidlalo eza kube inika umdla – kodwa oza kube ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo ngophakathi kweMamelodi Sundowns ne’Orlando Pirates.

Umdlalo uza kuqala ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo kwibala lasePitoli, iLoftus Stadium. Omabini amaqela aza kulwela ukufumana amanqaku amathathu, ngakumbi iSundowns efuna ukubethelela indawo yayo phezulu kwiDStv Premiership emva kokungayiphumeleli imidlalo yayo phambi kweAfcon.

Nangona abadlali bamaqela omabini bebuyile – kodwa akukacaci nokuba baza kudlaliswa na ngoba badiniwe. URulani Mokwena unabadlali abaninzi abasuka kwiAfcon.

Lo nto iza kumnyanzela ukuba asebenzise amathambo entloko kakhulu ngoba iziqwayi zakhe zidiniwe. Unabadlali anabo enkampini abanokuqubisana nePirates. Abo badlali baquka uThembinkosi Lorch osuka kwiPirates.

ULorch wothuse umzi ngokushiya iPirates kwiiveki ezigqithileyo. Noxa engalikhuphanga latsola uRulani Mokwena ngethuba ethetha kwiRadio 2000 – kodwa angamfaka emdlalweni uLorch futhi abe sisixhobo sakhe esithembekileyo sokuxhokonxa iPirates.

“ULorch uyazilolonga njengabanye abadlali futhi uyathembisa. Ngumsebenzi wakhe ebaleni oza kumthethelele. Kodwa njengabadlali bonke beSundowns, uLorch unoxanduva futhi kufuneka ayisebenzela indawo yakhe ukuze adlale.

“Ndiyamazi ngoba ndandikhe ndamqeqesha ngaphambili. Ukuba umdlalo wakhe ubukwinqanaba esilaziyo, ngeyile kwiAfcon. Ndiyakholwa nguLorch ngoba uyakwazi ukudlala iindawo ezahlukeneyo,” utshilo uMokwena. IPirates iza kuya ePitoli ufuna ukuphumelela ukuze inyukele phezulu.