URulani Mokwena ucatshukiswe ziintatheli emva kokubethwa kweSundowns

Emva kokukhubeka kweqela lakhe, uRulani Mokwena ucatshukiswe yimibuzo yeentatheli zaseDemocratic Republic of Congo. Oku kwenzeke emva kokuba iMamelodi Sundowns iguqiswe phantsi yiTP Mazembe ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLubumbashi. Amathuba okufaka amagowuli ebekhona emdlalweni – kodwa abadlali beSundowns abakwazanga ukuwasebenzisa batsho babuyela ekhaya umsila uphakathi kwemilenze.

Iintatheli zaseDemocratic Republic of Congo ziphose imibuzo kuMokwena ngolwimi lwesiFrentshi. Bekukho itoliki – kodwa kuye kwacaca ukuba isilungu sayo asiqinanga kakuhle. Eyona nto emcaphukise kakhulu umqeqeshi ngumbuzo othe: ingaba iSundowns iphulukene nomdlalo ngabom na eDRC? Akawuthandanga umbuzo onjalo uMokwena. “Nitsho njani ukuba size apha sinenjongo yokubethwa emdlalweni?

“Ibhola kaThemba Zwane ibethe epalini. Ibhola kaKhuliso Mudau ibethe epalini kwisigaba sesibini. Andazi kutheni niza kubuza umbuzo onjalo,” utshilo uMokwena, osekhondweni lokuphumelela iChampions League njengomqeqeshi oyintloko weSundowns. “Nifuna ukuthi size apha sinenjongo yokuphisa ngomdlalo? Umbuzo wakho unesigezo ngoba sichithe iiyure silungiselela umdlalo.

“Ukuba yindlela ekuqhutywa ngayo leyo ngamajelo eendaba apha, singaluyeka ngoku udliwanondlebe. Ndize apha kuba ndihlonipha nina neMazembe – kodwa nina anisihloniphi. Ndiyabathanda abadlali bam ngoba sebezibonakalisile ukuba bangoompetha e’Afrika. Xa iqela libethiwe, sibethwe sonke futhi ityala likum njengomqeqeshi,” utshilo uMokwena esisifu ngumsindo.

Izikhotha amaxeba kekambe iSundowns ebuyele ekhaya iphaca. “Bekukho ithuba apho uPeter Shalulile ebejongene ngqo nonozinti. Igowuli elingene kuthi kunzima ukulamkela – kodwa kufuneka sikwamkele ukubethwa emdlalweni,” uvale ngaloo mazwi uMokwena. Amasandawana aza kudibana naMaZulu emdlalweni weDStv Premiership ngomso ngorhatya.