URulani Mokwena uchuba isikhwebu ngokwenzeke kutyelelo lwaseYurophu!

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uthi wonwabe kakhulu yindlela amalungiselelo weqela lakhe ahambe ngayo. Amasandawana agqibe kwelokuba achithe ixesha elithile eYurophu – apho adlale imidlalo eliqela njengenxalenye yamalungiselelo esizini entsha. Kwimidlalo eyidlale eNetherlands, iSundowns iqale yadlala ntanganye ngamagowuli amabini neGent yaseBelgium, yabetha iGo Ahead Eagles phambi kokubetha iNAC Breda ngo’2-0 emdlalweni wokugqibela. Kuloo midlalo, iSundowns ibihambe nabo bonke abadlali bayo abatsha abaquka uThapelo Maseko emthathe kwiSuperSport United ebincwase ukumthengisela amaqela aseYurophu.

“Amalungiselelo wethu ahambe kakuhle kakhulu. Okundichulumancisa kakhulu kukuba asinabo abadlali abonzakeleyo phambi kokuqala kwesizini entsha,” utshilo uMokwena, ekulindeleke akhokele iqela eliza kulwela iCAF Champions League. Kwisizini eqala kule veki, iSundowns kufuneka iqule iligangathe ngoba iza kudlala imidlalo emininzi kakhulu futhi amaqela afana neKaizer Chiefs, Orlando Pirates aza kufuna ukuzama ukuyisokolisa noxa engakwazanga kwiminyaka edlulileyo ilandelelana.

“Singene kumalungiselelo wethu sifuna ukudibanisa abadlali bethu abafikayo nabadala. Besifuna nokudlala namaqela adlala ngendlela eyahlukileyo kule siyiqhelileyo nokuqinisekisa ukuba abadlali bakulungele ukuqala isizini ngokwasemizimbeni. Yonke into ihambe kakuhle. Ndiyambulela usihlalo wethu ngokusivumela siye kwiindawo ezifana nezi sisuka kuzo. Sifumene iindawo ezisemgangathweni ophezulu futhi ezisincedileyo njengokuba silungiselela isizini enzima,” utshilo uMokwena.

“Bekunzima ukudlala neGo Ahead Eagles. Abadlali bayo beberhabaxa futhi basisokolisile ebaleni kakhulu. Asikwazanga ukudlala umdlalo wethu wesiqhelo njengeqela eliyigcina kulo ibhola – kodwa siye sakwazi ukumelana neemeko. Ibinzima imidlalo, esikuncomayo kukuba noko sikwazile ukudlala ngendlela esifuna ngayo kweminye imidlalo,” utshilo uMokwena ofumene indebe yeDStv Premiership neyeCarling Black Label kwisizini yakhe njengomqeqeshi oyintloko kwiSundowns. Umdlalo wokuqala weDStv Premiership kwisizini entsha uphakathi kweSekhukhune United neSundowns ngorhatya ngoLwesihlanu.