URulani Mokwena uchulumancile emva kokuthatha iCarling Black Label

Abadlali beSundowns bebhiyozela indebe yeCarling Black Label Cup. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi oyintloko weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, akafunanga ukuzibethela igubu ngokwakhe (ukuzincoma ngamanye amazwi) emva kokuba iqela lakhe liphumelele iCarling Black Label Cup okokuqala kwimpelaveki egqithileyo eGoli. Amasandawana aye atshatshela kwitumente yosuku olunye yeCarling Black Label emva kokuvuthulula AmaZulu ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni wokuqala ne-Orlando Pirates ngamagowuli amane emdlalweni wokugqibela eFNB Stadium. Ukuphumelela kweSundowns yinto eqhelekileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika – kodwa okubalulekileyo kukuba yindebe yokuqala ephunyelelwe nguMokwena ukusukela kwinyanga ephelileyo.

Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe nguSphelele Mkhulise, uGrant Kekana nababini kaCassius Mailula othande ukuba yingxaki emidlalweni yeDStv Premiership emva kokunikwa ithuba lokudlala ngabaqeqeshi bakhe. Iqela likaMokwena liye kwiCarling Black Label Cup linomsindo emva kokungakwazi ukukhusela indebe yeMTN8 elakhutshwa kuyo yiPirates ngo’3-0 ePolokwane. “Mandivuyisane neqela lonke, ingakumbi abadlali abenze umsebenzi omhle. Ndiziva ndiwongekile ukuba ngumqeqeshi wabo,” utshilo uMokwena obecwayitile eFNB Stadium kutshanje. “Mandivuyisane neqela lonke nosapho lakwaMotsepe. Luyifanele impumelelo yanamhlanje emva kokuphoxeka kwiMTN8.

“Kuye kwanyanzeleka siphumelele ukuze abalandeli bethu bonwabe. Ndiyavuyisana kwakhona neqela nabaqeqeshi – kodwa ndibulela kakhulu abadlali esinabo,” utshilo uMokwena ongene endaweni kaManqoba Mngqithi othotyiselweyo kwinyanga ephelileyo. Ngaphezulu ngokudlalisa uMailula osuka kwiDowns edlala kwiDiski Challenge, uMokwena udlalise uNtando Nkosi oneshumi elinesibhozo yeminyaka naye obedlala kwiDiski Challenge. “Luxanduva lwam ukunika abadlali abasakhulayo amathuba okudlala ngoba nam ndanikwa ithuba lokuqeqesha ndisemncinane. Nangona siliqela elidlalela ukuphumelela ngamaxesha onke – kodwa andoyiki ukunika abanye abantu amathuba ngoba kwenziwa njalo nakum. Kufuneka siphumelele, sizame ukwakha ikamva leqela kwelinye icala,” utshilo uMokwena. Phantsi kwegama likaMokwena, iSundowns iphumelele imidlalo emine efumene kuyo amagowuli alishumi elinesihlanu.