URulani Mokwena ufuna kukhuselwe abadlali bakhe kwiPirates edlala kakubi!

UKhuliso Mudau, uRhulani Mokwena noThemba Zwane beMamelodi Sundowns eza kudibana ne’Orlando Pirates emdlalweni weMTN8. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Nangona engalikhuphanga latsola – kodwa uRulani Mokwena uthe usompempe kufuneka akhusele abadlali beMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8. Umqeqeshi weDowns ukuthethe oku ngoLwesithathu wale veki ngethuba encokola neentatheli phambi komdlalo omkhulu ongoMgqibelo. Ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngomgomso, iSundowns iza kuvana amandla ne’Orlando Pirates emdlalweni weMTN8 oza kube useMoses Mabhida Stadium. Amatikiti omdlalo athengiswe aphela kwa kwiveki ephelileyo ngoba ngumdlalo omkhulu futhi ophakathi kwamaqela adlala kakuhle lo olindeleke oza kudlalwa ngomso.

UMokwena uthe ulindele umdlalo onzima kakhulu eThekwini – kodwa wathi unethemba lokuba abadlali bakhe baza kukhuselwa kwiPirates edlala kakubi. “Siza kudibana neqela elilushica kakhulu futhi elinabadlali abadlala kakuhle kakhulu ebaleni. Liqela elinabadlali abazama ukuphumelela indebe yesithathu kwixesha elifutshane,” utshilo uMokwena. UJose Riveiro nabadlali bakhe bazimisele ukukhusela indebe abayiphumelele kwisizini egqithileyo.

“Siyakuqonda ukubaluleka komdlalo esijongene nawo. Sinethemba lokuba umdlalo uza kuhamba kakuhle ngaphandle kokuphathwa kakubi ngoosompempe nokudlalwa kakubi. Emdlalweni ngamnye esiwudlale nePirates, siphulukene nomdlali. Konzakala uHaashim Domningo sidlala nayo kwiCarling Black Label. Emva koko konzakala uNasir Abubeker ongekaphili nangoku. Emdlalweni ogqithileyo, uNkosinathi Sibisi wonzakalise uMarcelo Allende ongekaphili nangoku.

“Ndinethemba lokuba umdlalo awuzubanazo ezo ngxaki,” utshilo uMokwena osecicini lokuphumelela indebe yakhe yesithathu njengomqeqeshi weSundowns. Akukacaci nokuba abadlali abonzakeleyo baza kuba yinxalenye yomdlalo wangomso kusini na. “Siza kulinda kude kube ngumzuzu wokugqibela phambi kokuba simfake esikimini uLucas. Yinto esiyiqhelileyo leyo. Kubalulekile ukufumana bonke abadlali phambi komdlalo esiya kuwo ngoba sifuna ukudlala kakuhle kuzo zonke iindawo ebaleni,” ulebele ngaloo mazwi uMokwena.