Nangona iMamelodi Sundowns iquthiswe yiWydad Athletic Club ngamagowuli amabini kwelinye ngeCawe egqithileyo – kodwa inethemba lokuguqula izinto emdlalweni wesibini emva kokuba ifumene igowuli eStade Mohamed V. Umdlalo wokuqala weAfrican Football League ubusemgangathweni ophezulu nakubeni iWydad ibinamandla emdlalweni, mhlawumbi ngenxa yokudlalela phambi kwabalandeli bayo. Igowuli lokuqala emdlalweni lifakwe nguRivaldo Coetzee ngempazamo ezipalini zakhe. Amasandawana aphedule ngepenela efakwe nguAbdelmounaim efumaneke emva kokubanjwa kwebhola ngesandla ebikhatywe nguAbrey Modiba kwisigaba sesibini somdlalo.
Igowuli elophule iintliziyo zabalandeli beSundowns lifakwe nguAnas Serrhat umdlalo sowusondela ekupheleni. URulani Mokwena uvumile emva komdlalo ukuba babethwe liqela elidlale umdlalo ongcono. Wongeza ngelithi kusekusasa noxa kunyanzelekile ukuba iqela lakhe lidlale umdlalo obhetele ePitoli xa besamkela iWydad. “Mandivuyisane nayo iWydad – kodwa ndifuna ukuthi ifana nokuba ibisisigaba sokuqala lo umdlalo wanamhlanje,” utshilo uMokwena emva komdlalo ogqithileyo eMorocco.
Emva koko uncome abadlali bakhe abanyamezele izithonga emdlalweni obusebaleni ebeligcwele abalandeli beWydad. “Mancome abadlali bam ngodlala kakuhle emdlalweni obunzima. Indlela esihlasele ngayo ibingenawo amandla ngendlela ebesifuna ngayo – kodwa sibulela igowuli esilifumeneyo. Ngoku uRulani umsebenzi onzima wokukhuthaza nokuqinisekisa iqela lakhe ukuba liphumelela ngegowuli elinye okungenani ukuze liphakamise indebe entsha yeCAF ekuthiwa yiAfrican Football League.
“Ubumhle umdlalo wamaqela amabini adlala kakuhle. Kunyanzelekile siphumelele kozayo. Siza kuqinisekisa ukuba siyaphumelela ekhaya,” utshilo uMokwena oye waqhwatyela izandla ngabalandeli beWydad – into engaqhelekanga ebholeni yelizwekazi le’Afrika. Umdlalo olandelayo weAfrican Football League uza kuqala ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, eLoftus Stadium, emva kokutshintshwa kosuku lwawo ngenxa yomdlalo weDStv Premiership ophakathi kweChiefs nePirates emanga ngoMgqibelo. Kulindeleke umdlalo uzinyaswe nguMongameli weFIFA, oweCAF nezinye izitatanyiswa.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!