Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uliqhwabele izandla inyathelo elithathwe ngoosompempe lokukhusela umdlali wakhe odlalwa kakubi emidlalweni yePSL. OkaMokwena ukuthethe oku emva komdlalo weMTN8 obuseLucas Moripe Stadium – apho iSundowns ibethe iMoroka Swallows FC ngegowuli elinye elifakwe nguThemba Zwane. Njengokuba bekulindeleke amaqela adlale umdlalo osemgangathweni ophezulu, usompempe obephethe umdlalo wothuse abalandeli bebhola ekhatywayo ngokukhupha uAndile Jali ngekhadi elibomvu. UJali unikwe uphum’aphele ngusompempe ngenxa yokudlala kakubi uTeboho Mokoena weSundownns kungaphelanga nemizuzu elishumi umdlalo uqalile. Isiganeko esenzeke emdlalweni ogqithileyo sibangele abanye abantu bathi uMokoena unonjolwe njengoyena mdlali oyingozi kwiSundowns ekufanele angadlali kakuhle emidlalweni.
Phambi kokukhatywa kwakhe nguJali osuka kwiSundowns, uMokoena usinde kuVusumuzi Mncube weSekhukhune United emdlalweni wokuvula isizini kwiveki ephelileyo. “Andazi nokuba ndingatsho na ukuba unonjolwe, andiqinisekanga,” utshilo uMokwena ephendula umbuzo ngomdlali wakhe. “Mna ndicinga ukuba ukukhatywa kwakhe kunento yokwenza nokuphumelela kwakhe iwonga lomdlali wonyaka. Ingangachaneki indlela endiziva ngayo ngokwenzeka kuMokoena – kodwa ndicinga njalo mna. Kwabakho ingxolo enkulu ngokuphumelela kwakhe. Ngelishwa, okwenzekayo ngumvuzo wokuba ngumdlali wesizini. Singamncedisa thina – kodwa naye kufuneka akhangele indlela yokuqubisana nezinto ezinje. Okuhle kukubona abaphathi bemidlalo bemkhusela kwabanye abadlali abamdlala kakubi,” utshilo uMokwena.
Nangona iqela lakhe uMokwena lisiya kwisigaba esilandelayo seMTN8 – kodwa emva komdlalo, uhlambulule ukuba wenze impazamo emdlalweni aye wayicelela uxolo ebadlalini bakhe ngexesha lokuphumla. “Ndenze impazamo emva kokukhutshwa kwekhadi elibomvu. Yimpazamo ebendikhe ndayenza nakwisizini egqithileyo – kodwa ke okuhle kukuba abadlali baye bandincedisa ndayilungisa. Umdlalo ubungelulanga kuthi. Into ebesiyifuna ziziphumo kuphela, siye phambili ukuze sikwazi ukubeka iingqondo zethu emidlalweni yeDStv Premiership,” utshilo uMokwena ongakhange ayichaze impazamo ayenze emdlalweni. Kwelakhe icala uSteve Komphela, ubancomile abadlali bakhe emva kokuxhathisa kwiSundowns – kodwa wavuma ukuba ikhadi elibomvu elinikwe uJali liwenze wanzima umsebenzi weqela lakhe ebaleni.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?