URulani Mokwena uqhayisa ngefolosi entsha eSundowns!

URulani Mokwena no-Abubeker Nasir Ahmed beMamelodi Sundowns emdlalweni weDStv Premiership obuseLoftus Versfeld Stadium. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, akawuvali umlomo ngenxa yefolosi entsha ayichaze njengekamva eliqaqambileyo kakhulu. Igama lomdlali ngu-Abubeker Nasir – ifolosi esuka kwilizwe lase-Ethiopia. UNasir, 22, kuthethwe ngaye engekafiki eMzantsi Afrika ngenxa yomsebenzi oncomekayo awenze kwiqela ebelidlalela neqela lesizwe. Emidlalweni emibini ayidlalileyo kwiDStv Premiership, uNasir ushiye abantu abaninzi bengayivali imilomo emva kokubonisa isakhono asiphetheyo. Kwiveki ephelileyo, iMamelodi Sundowns yonzakalise kakubi iKaizer Chiefs ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obutshisa eLoftus Stadium.

Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe ngumtshutshisi omkhulu uPeter Shalulile (amabini), uGaston Sirino elesine lafakwa nguye uNasir emizuzwini yokugqibela. Uphehluzelise kakhubi abadlali beChiefs phambi kokubhakuzelisa umnatha okokuqala eMzantsi Afrika. “Unekamva elihle kakhulu ngoba ungqongwe ngabadlali abasemgangathweni ophezulu kwiSundowns,” utshilo uMokwena ethetha ngaye emva komdlalo. Yamthenga ekuqaleni kwalo nyaka iSundowns – kodwa yakhe yabolekisa ngaye kwiEthiopia Coffee kuba ibifuna aqine. Udlale umdlalo wake wokuqala uNasir emdlalweni iSundowns ebethwe kuwo ngo’1-0 yiTS Galaxy phakathi evekini kwiveki ephelileyo.

“Ufikele eqeleni elisemgangathweni ophezulu. Lo nto ingamnceda kufunquke umdlalo wakhe ngakumbi xa eshasela. Angayinto esingazange siyibone,” utshilo uMokwena – kodwa kwangaxeshanye, ucele abalandeli beqela lakhe bamphe ithuba ukuze ade azinze kwiSundowns. UMokwena ukwathe bafune umntu oza kufundisa uNasir isiNgesi ukuze kubelula ukusebenza nabaqeqeshi nabanye abadlali. “Ndifuna ukucela abantu babenomonde. Andifuni kubekho ingxolo kakhulu ngaye ngoba usenomsebenzi omkhulu ekufuneka awenze ukuze abe ngumdlali ogqibeleleyo. Into yokuqala ekufuneke siqubisane nayo ibe yindlela esithetha naye ngayo. Sifune umntu oza kutolika ukuze ayive into esiyithethayo xa sizilolonga. Inkulu into aza kusibonisa yona emidlalweni ezayo uNasir,” utshilo uMokwena. Ngoku iDowns ilungiselela ukudibana neSekhukhune United emdlalweni ongoMgqibelo.