URulani Mokwena uqhwabela izandla abadlali nabalandeli beSundowns

Isecicini lokwenza imbali iMamelodi Sundowns ngokuba liqela lokuqala eliphumelele iNdebe yeAfrican Football League ekuqaleni ekwakuthiwa yiSuper League eyakhatywayo eYurophu. Oku kulandela umsebenzi omhle owenziwe yiSundowns edlulele kwisigaba sokugqibela seAfrican Football League emva kokudlala ntanganye ngeqanda neAl Ahly emdlalweni obuseCairo International Stadium kubusuku bangoLwesithathu kule veki. Amasandawana azincede ngokuphumelela umdlalo wokuqala ngegowuli elinye ePitoli.

URonwen Williams ucike ipenela eCairo ephantse yamosha umsebenzi obusewenziwe yiSundowns. Iqela likaRulani Mokwena lintingele eMorocco – apho liza kudibana neWydad Casablanca emdlalweni wokuqala kwisigaba sokugqibela seAfrican Football League. “Ndicinga ukuba iSundowns inyamezele kakhulu ngoba idibene nelona qela elinzima ukudlala nalo emdlalweni otsale ixesha elide,” utshilo uMokwena emva komdlalo eCairo. “Into endingayithetha kukuba thina siphumelele eMzantsi Afrika.

“Umdlalo esiwuphumelele ngo’1-0 ibe yinto enkulu kakhulu kuthi kwaye ndifuna ukuvuyisana neqela emva kokwenza umsebenzi omhle. Isisokolisile iAl Ahly – kodwa sancedwa yinkxaso esiyinikwe ngabalandeli bethu nabasibeke kwindawo esikuyo ngoku,” utshilo uMokwena. Ukukhupha iAl Ahly eyazenzela igama elihle ngokuphumelela iindebe, kunika iSundowns ithuba lokufumana indebe ekhatshwa yimali ezizigidi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu zamawaka erandi (R75-million).

Nakubeni iSundowns iphinde yayoyisa iAl Ahly – kodwa uRulani uthe iya kuhlala iliqela elikhulu kwizwekazi le’Afrika. Emva koko ubalule ukungabikho kwabadlali athembele kubo. “Sinabadlali abaliqela abangekhoyo ngenxa yokonzakala. Kodwa esinabo apha bazi kakuhle ukuba kufuneka bawasebenzise kakuhle amathuba abawafumanayo. Asizikhathazi ngento esingenayo, iingqondo zethu zikule nto sinayo. Sinabadlali abazilahlele nofele kweli qela,” utshilo uMokwena. Umdlalo wokugqibela weAfrican Football League ukwiveki ezayo ngoMgqibelo.