Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kufumana igowuli nokuba linye eCairo. Oku ukuthethe emva kokuba iSundowns ibethe iAl Ahly ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weAfrican Football League obubanjelwe eLoftus Stadium ngeCawe egqithileyo.
Igowuli ephumelele ngalo iDowns lifakwe nguThapelo Maseko. Lo nto ithetha ukuthi iqela laseMzantsi Afrika liza kudibana neAl Ahly emdlalweni wesibini eCairo International Stadium ngoLwesithathu ukuzithemba kuthe funqu emva kokuba liphumelele ekhaya.
Nakubeni kunjalo, umsebenzi awukapheli ngoba iDowns kufuneka ikhusele impumelelo yasePitoli ngokufaka igowuli eCairo. Uqinisekile uMokwena ngokuzuza into kwiAl Ahly eza kube idlalela phambi kwamawakawaka abalandeli bayo abathanda ukuyilwela ezindwendweni ngokuziphandla emehlweni ngezinto ezilayitayo. Ithemba lakhe liqiniswa kukuba iSundowns yabuya ifake amagowuli emidlalweni eyidlale eYiphutha kumatyeli agqithileyo.
“Siza kubuya negowuli eCairo. Leyo into siyayazi futhi nayo iAl Ahly iyayazi lo nto. Ukwazi kwabo okungenziwa yiSundowns xa idlala nabo akubaphathi kakuhle,” utshilo uMokwena emva komdlalo ePitoli. “Indlela abaphume ngayo ebaleni ukucacile indlela abangonwabanga ngayo. Emdlalweni esawudlalela eMorocco, zange iAl Ahly ikwazi ukufumana igowuli kuthi.
“Abadlali bayo baya emdlalweni olandelayo bengonwabanga konke konke,” utshilo umqeqeshi weDowns oya emdlalweni olandelayo ngaphandle kweefolosi zakhe ezifana noPeter Shalulile noLucas Ribeiro ezonzakeleyo. “Siyazamkela iziphumo zomdlalo wanamhlanje. Ngoku sijonge umdlalo olandelayo sinethemba lokufumana igowuli,” utshilo uMokwena. Ukuba iSundowns iphumelele, iza kuya emdlalweni wokugqibela weAfrican Football League eqalwe ngamaqela asibhozo aphambili kulo nyaka.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!