URulani Mokwena uqinisekile ngokuya phambili kwiCAF Champions League!

iMamelodi Sundowns ngethuba idibene neYoung Africans SC emdlalweni weCAF Champions League obuseDas es Salaam, eTanzania, ngempelaveki egqithileyo.

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuya phambili kwiCAF Champions League. Oku ukuthethe emva kokuba iSundowns ibambene ngeqanda macala neYoung Africans SC emdlalweni wokuqala obubanjelwe eBenjamin Mkapa Stadium, eDar es Salaam, ngempelaveki egqithileyo. Amasandawana adlale umdlalo ogqithileyo ngaphandle kukaThemba Zwane olijoni elithembekileyo kwaye kuye kwabonakala ukuba akekho ngoba akakwazanga ukudlala ngendlela eqhelekileyo.

Nakubeni amaqela ebambene, uMokwena ufunge ngelithi iSundowns iza kulungisa izinto xa idibana neYounga kwakhona emdlalweni weChampions League oza kube useLoftus Stadium ebusuku ngentsimbi yesibhozo ngoLwesihlanu wale veki. “Ndiqinisekile, iSundowns iza kuya kumjikelo olandelayo,” utshilo uMokwena ethetha nabeendaba emva komdlalo. Umdlali weDowns ophambili, uTeboho Mokoena, uvumile ukuba abakwazanga ukudlala ngendlela yabo eqhelekileyo eTanzania.

OkaMokoena uphakathi kwabadlali abantingele ngqo eDas es Salaam emva kokudlalela aBafana Bafana ababambene neAlgeria ngo’3-3 kwiveki ephelileyo. “Idlale kakuhle iYanga phaya emva. Abadlali bayo baye bawavala onke amazibuko phakathi, basinyanzela ukuba siye emacaleni. Bekushushu kakhulu – kodwa ke ibilindelekile lo nto emdlalweni okude nekhaya. Kunyanzelekile ukuba siphumelele xa siseMzantsi Afrika ekhaya,” utshilo uMokoena phambi kowona mdlalo oza kuba nzima kakhulu.

Kwelinye icala, yena umqeqeshi weYanga uthe bekufanele ukuba iqela lakhe liyibethile iSundowns emdlalweni wokuqala. UMiguel Gamondi uvakalise ukwaneliseka ngumsebenzi owenziwe liqela lakhe. “Umdlalo ubunzima ngoba bekudibene amaqela amabini adlala kakuhle, ingakumbi iSundowns eliqela eliphambili kwizwekazi le’Afrika. Ndiyaziqhenya ngokwenziwe ngabadlali bam ngoba benze umsebenzi ngendlela ebesiqulunqe ngayo. Sizimisele ukulwa emdlalweni ozayo ukuze siye phambili,” utshilo uGamondi owakhe wayiqeqesha iSundowns.