URulani Mokwena uthi iSundowns ngumtshini ozitshintshayo onganqandekiyo

URulani Mokwena ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns obambisene noManqoba Mngqithi. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Namhlanje iqala ngokusesikweni imidlalo yesizini entsha yeDStv Premiership. Iintshatsheli zesizini egqithileyo, iMamelodi Sundowns, ziza kuqala umsebenzi wokukhusela indebe yazo emdlalweni wokuvula isizini ngokuvana amandla naMaZulu ngentsimbi yesihlanu emalanga eLoftus Stadium. Omabini la maqela aqhube kakuhle kwisizini egqithileyo – kodwa anoxinizelelo olongezelelekileyo kwisizini entsha ngenxa yeso sizathu. AmaZulu enze imbali ngokuvala isizini edlulileyo ekwindawo yesibini – into angazange ayifumani embalini yawo. Yona iSundowns iphumelele indebe yeDStv Premiership ngendlela encumisayo ityeli lesine elandelelana.

Kodwa izinto zingohluka kule isizini ngoba iKaizer Chies inabadlali abatsha emva kokuvalwa unyaka wonke. Kanti iPirates neSwallows ziza kuthatha apho ziyeke khona kwisizini edlulileyo zinethemba lokwenza bhetele. Nakule isizini entsha, iSundowns ifuna ukuqhubela phambili nokugqugqisa ebholeni – kodwa uRulani Mokwena uyavuma ukuba izinto ziza kuba nzima. “Ndicinga ukuba amaqela esikhuphisana nawo aqinile. Ukuqala kwiChiefs, kulandele iPirates neSwallows – onke aluqilima. Emva kokudlala kakuhle kwisizini egqithileyo, iSwalows ithenge abadlali abatsha,” utshilo uMokwena kuphehlelelwa isizini entsha eGoli.

Noxa iSundowns isolokoo inabadlali abasemgangathweni – kodwa kukho ebathengileyo. “Songeze abadlali kwiindawo ezithile kuba sifuna ukuqinisa indlela esidlala ngayo. Xa iSundowns idlala, sifuna iwulawule umdlalo. Yindlela esifuna idlale ngayo leyo,” utshilo uMokwena. AmaZulu liqela elithande ukuyifunqula indlela elidlala ngayo phantsi kwesandla sikaBenni McCarthy. Naye uMokwena uyazi ukuba AmaZulu ayingozi kwaye akabetheki lula – kodwa uthi iSundowns ayinqandeki. “Njengeqela elikhulu, luxanduva lwethu ukuphumelela yonke imidlalo esiyidlalayo. Xa iingqondo zethu sizibekile entweni esiyenzayo, akukho mntu onokuma phambi kwethu,” utshilo uMokwena.