URulani Mokwena uthi iza kubuya ngamandla iSundowns evinjwe ipenela

UPatrick Maswanganyi we’Orlando Pirates no’Aubrey Modiba weMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 obuseMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva komdlalo wokugqibela weMTN8, uRulani Mokwena uzamkele iziphumo zomdlalo – kodwa ekhwina ngenxa yezigqibo ezingamxolisanga ezithathwe ngusompempe emdlalweni. IMamelodi Sundowns ibuyele ePitoli intywizisa emva kokuba ibethwe yi’Orlando Pirates ngo’3-1 kumapenela emdlalweni ophele iliqanda macala eMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo ogqithileyo. UMokwena uthe iSundowns bekufanele ukuba inikwe ipenela ngusompempe oyivimbileyo. Emva komdlalo kubekho ingxoxo ngezigqibo ezithathwe nguAbongile Tom obephethe umdlalo.

AbeSundowns bakhale ngebhola ebethe esandleni sikaBandile Shandu engasolulanga, ukuwiswa kukaLebogang Maboe nokuwiswa kukaPeter Shalulile. Abahlalutyi bomsebenzi woosompempe namhlanje ethivini bathe uTom uthathe izigqibo ezifanelekileyo kwiziganeko ezibini ezenzeke phakathi ebhokisini ngaphandle kwesinye ekuwiswe kuso uShalulile. Akafunanga umqeqeshi weSundowns ukugxeka umsebenzi woosompempe esidlangalaleni kuba ephepha ukuthawuziswa emalahleni ngabaphathi bePSL.

“Ndinethemba lokuba kuza kubakho ingxoxo ngoMvulo ngokwenzeke apha. Ndiza kube ndibukele futhi ndimamele,” utshilo uMokwena emva komdlalo phambi kokungena nzulu kwindlela iqela lakhe elidlale ngayo emdlalweni. “Sibaphoxile abalandeli bethu. Ndicinga ukuba kufuneka sixolise emva koko siye phambili ngoba ukuzisola akusobe kusincede. Okubalulekileyo emva kwalo mdlalo kukuvuthulula sizame ukuya phambili. Zininzi iindebe ezisasifoleleyo nemidlalweni ekufuneka siyiphumelele. Ndiqinisekile ukuba siza kubuya ngamandla,” utshilo uMokwena.

Nangona kungabangakho iqela eliphumeleleyo emdlalweni – kodwa yiSundowns ekwazileyo ukudala amathuba aliqela acacileyo. Ngelishwa layo, uShalulile noThemba Zwane abakwazanga ukuwasebenzisa. “Mandivuyisane nePirates. Ndiyaziqhenya ngomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bethu. Bazamile futhi badale amathuba amahle emdlalweni. Linye tshu ithuba elifunyenwe yiPirates emdlalweni,” utshilo uMokwena. Emva kwemidlalo yamazwe ngamazwe, iSundowns iza kudibana neMoroka Swallows emdlalweni weDStv Premiership ekuthambekeni kwale nyanga yoMsintsi.