Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uziqhwabele izandla iinzame ezenziwe ngabadlali bakhe emdlalweni wayizolo. ISundowns ibuyele ekhaya incumile emva kokuba ibethe iFC Nouadhibou ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obusebusuku izolo. Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe nguGrant Kekana noThembinkosi Lorch obeyidlalela okwesithathu ukusukela oko wathengiswa kwiPirates.
Emva kokuphumelela eMauritania izolo, iSundowns izibekele indawo kumjikelo olandelayo weCAF Champions League ophambi kowamanqam. “Okokuqala mandibulise wonke umntu. Ndiyavuyisana neSundowns ephumelele idlala neNouadhibou edlale kakuhle kakhulu. Kuye kwacaca ukuba inabadlali abasemgangathweni futhi iqeqeshwa ngumqeqeshi oyaziyo into ayenzayo. Ndifuna ukubalula kakhulu iinzame ezenziwe ngabadlali ebaleni. Badlale kakuhle kakhulu,” utshilo uMokwena.
“Umdlalo wona siwudlale kakuhle. Ndicinga ukuba sifumene amathuba amaninzi kwisigaba sokuqala somdlalo. Kwisigaba sesibini sikwazile ukulawula umdlalo ekhona futhi amathuba. Abadlali bethu abangene njengamalalela benze umsebenzi omhle kakhulu. Nangona abadlali bethu benze umsebenzi oncomekayo – kodwa ndifuna ukubulela iNouadhibou ngokuzinika umdlalo omhle. Okwesibini ndifuna ukubulela indlela entle esamkelwe ngayo apha nesiphethwe ngayo. Njengoko benditshilo, umdlalo wona ubunzima,” utshilo uMokwena emva komdlalo.
“Ndiyiqhwabela izandla iSundowns ngoba ize apha ingakhange iphulukane namdlalo ekhaya nakwiChampions League. Ndiyavuyisana neqela lonke,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi. Njengokuba izinto sezithande ukuba calanye kwiDStv Premiership ekulindeleke ukuba iyithathe futhi, ngoku iSundowns ilwela ukuthatha indebe yeChampions League okokuqala phantsi kukaRulani. Iza kubuyela ekhaya iSundowns esaqhuba kakuhle nakwiNedbank Cup ithathe apho ibiyeke khona emidlalweni yeDStv Premiership.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya