URulani Mokwena uzingoba isifuba ngeMamelodi Sundowns!

Abadlali beMamelodi Sundowns bevuyela indebe yeDStv Premiership emva kokubambana neMaritzburg emdlalweni obuseLoftus Stadium. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uzingomba isifuba emva kokuba iqela lakhe liphakamise indebe yeDStv Premiership ngokusesikweni ngoLwesibini ekuqaleni kwale veki. Oku kwenzeke emva kokuba iqela lakhe libambene neMaritzburg United ngegowuli elinye emdlalweni weDStv Premiership wokugqibela obubanjelwe eLoftus Stadium. Ibikokokuqala iSundowns ithatha indebe enkulu phantsi kukaMokwena owanikwa ithuba lokukhokela iqela kunyaka ophelileyo isizini isentsha emva kokugqwidiza kwalo kwiMTN8. Zimbini iindebe ezizuzwe nguMokwena, uphumelele neCarling Black Label Cup kunyaka ophelileyo eyayilwelwa ngamaqela amane eFNB Stadium. Ngoku iSundowns iphumelele indebe yeDStv Premiership izihlandlo ezithandathu zilandelelana.

Emva komdlalo wokugqibela, uMokwena ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokwenza umsebenzi omhle kwisizini ka-2022/23 ebixakekile. “Ndiyavuyisana nabadlali. Le yeyona ndebe ebalulekileyo eMzantsi Afrika ethatha iinyanga ezilushumi zonke,” utshilo uMokwena emva komdlalo encumile. Amasandawana athwaliswe isithsaba emva kokuqokelela amashumi amasixhenxe amanqaku emidlalweni engamashumi amathathu. “Kufuneka uphumelele imidlalo ngamaxesha onke ukuze uyiphumelele le indebe. Ayifani nezinye iindebe odlala imidlalo emibini ukuya kwemine ube sowuyiphakamisa. Ndiyavuyisana nabadlali futhi ndizingomba isifuna ngomsebenzi owenziwe ngabadlali esinabo,” utshilo uMokwena ethathe noSuperSport TV emva komdlalo.

UMokwena, 36, ngoyena mqeqeshi osemncinane ngeminyaka kwiDStv Premiership ojongana neqela elinabadlali abaninzi abasemgangathweni ophezulu. “Ukuba ngumphathi wabadlali abaninzi ngumsebenzi onzima – kodwa okuhle kukuba ngabadlali abasebenza ngokuzimisela futhi abaziphethe kakuhle. Ndiziva ndiwongekile mna njengomqeqehi wabo. Noxa kunzima ukuba ngumqeqeshi – kodwa zimini ezinje ezisonwabisayo. Siyakuvuyela ukuba ziintshatsheli,” utshilo uMokwena. Ngoku iSundowns ilungiselela ukudibana neWydad AC emdlalweni weCAF Champions oza kube useLoftus Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Umdlalo ubalulekile kuwo omabini amaqela emva kokuba ebambene ngeqanda emdlalweni obukwiveki ephelileyo.