URulani uthi unyanzelwe, ebengafuni ukuhamba kwiMamelodi Sundowns

IMamelodi Sundowns imvale umlomo uRulani Mokwena emva kokumgxotha izolo. Oku kucace xa uMokwena engakwazi ukuphendula imibuzo ethile kudliwanondlebe elenze kwinkqubo kaRobert Marawa kwisikhululo saseGoli. Nangona kunjalo kodwa utshilo ukuba ebengafuni ukuhamba, uye wanyanzelwa. Izolo iMamelodi Sundowns ikhuphe ingxelo eqinisekisa ezo ndaba. Ithe isizathu sokumgxotha kukuba akakwazanga ukwenza umsebenzi wakhe ngendlela ekwakuvunyelenwe ngayo naye. Khange athethe nto echaseneyo nalo nto – kodwa utshilo ukuba ebefuna ukuhlala.

Konke oku kwenzeka iSundowns iphumelele indebe yeDStv Premiership ngendlela encumisayo kakhulu. Ngaphezulu koko, iSundowns iphumelele iAfrican Football League engenise imali eninzi kakhulu. Isigqibo esithathwe yiSundowns sibothusile abantu abaninzi ngoba uMongameli wayo wathi wonelisekile ngumsebenzi owenziweyo watsho ethembisa ngelithi umqeqeshi uza kunikwa inkxaso ethe chatha ukuze aphumelele iCAF Champions League.

Ethetha kwinkqubo kaMarawa izolo ngorhatya, uRulani uthe akakwazi ukungena nzulu kwizinto ezenzeke kwiSundowns. Abahlebele iSABC Sport bathi bekubekho ukungaboni ngasonye phakathi kukaMokwena noFlemming Berg oyintloko yabaqeqeshi.

Kuthiwa uBerg ebengahambisani nendlela iqela elidlala ngayo – kodwa ukubethwa kweSundowns kwiCAF Champions League ekhaya nokubethwa yi’Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup kukhangeleka ngathi kwandise ithanda. Eyona nto ebekwe phambili nguBerg kuthiwa kukungakwazi kukaMokwena ukuphumelela ezinye iindebe ngaphandle kweDStv Premiership kwisizini egqithileyo.

Kanti kukho nento ethi uMokwena ebefuna ibe nguye ogqibayo ngabadlali abathengwayo nabakhululwayo. Akukacaci ukuba ngubani oza kuthatha isikhundla sikaMokwena. Njengokuba iSundowns iza kwenza amalungiselelo eAustria, kuthiwe uManqoba Mngqithi uza kuxhuzula imikhala.

UMokwena wathatha iintambo kuye uMngqithi ngo2022 emva kokuba naye wayenikwe emva kokuhamba kukaPitso Mosimane. Bane abadlali esele bekhululwe yiSundowns phambi kokuqala kwesizini entsha. Abo badlali baquka uBongani Zungu noGaston Sirino.