URusike ufumene ikhaya elitsha

Omnye wabadlali abayingozi kwiPSL obefunwa kakhulu ngamaqela amakhulu aquka iKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns, * -Evans Rusike, ufumene ikhaya elitsha.

URusike, 27, utyikitywe yiSuperSport United phambi kosuku lokuvala kokuthengwa kwabadlali.

Amatsatsantsa aPitori abhengeze lo mdlali kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu nesiqingatha.

Eli nxele laseZimbabwe lisuka kwiMaritzburg United, nalapho lizibonakalise kuyo njengomdlali onesiphiwo esicacileyo sokudlala ibhola ekhatywayo nokufaka amagowuli.

“Kudala simbukele. Ungumdlali onamendu nobuchule bokugqibezela phambi kweepali. Siyavuya kwaye sinethemba lokuba uyakusinceda kule minyaka ilandelayo,” utshilo uStan Matthews.

Nakubeni ebenomtsalane kakhulu kumaqela alapha eMzantsi Afrika – kodwa ebenalo ithuba lokuyozama eYurophu lo mdlali. Ukwamkele kodwa ukuya kwakhe kwiSuperSport.

“Ndiyazi ukuba kufuneka ndizibonakalise kumqeqeshi weSuperSport. Ndizimisele ukwenza njalo ukuze siqinisekise ukuba siyangena kwiTop 8,” utshilo uRusike.

pedro.mapelo@inl.co.za