URussouw ukhutshiwe kwimidlalo ye-ODI

IiProteas zisenemincili emva kokubetha i-Australia ngemitsi engamashumi amane anethoba ngoLwesibini.

Kodwa ngoku umsebenzi elijongene nawo iqela lika Rusell Domingo kukuphinda limelane ne-Australia kumdlalo walo wosuku olunye.

Iindaba ezibuhlungu kubadlali izakuba kukungabikho kukaRilee Rossouw ofumene ukwenzakala egxalabeni, kumdlalo ubuphakathi kweProteas ne-Australia ngoLwesibini.

Umlawuli weqela ugqirha Mohammed Moosajee ukungqinile ukwenzakala kukaRussouw: “URilee uye waziva ngendlela engaqhelekanga egxeni lakhe ngelixa usaqhuba umdlalo ngoLwesibini.

Uthathwe wasiwa esibhedlele nalopho kungqinwe ukuba kukho ithambo elingahlelanga ndaweni yalo. Akazokwazi ukuqhubeka adlale kolu luhlu lemidlalo, uza- kubuyela eMzantsi Afrika.”

Umdlali odlala kwi-Unlimited Titans, uDean Elgar ubiziwe ukuba makavale indawo kaRussouw, kwaye uzakudibana nabanye abadlali namhlanje, aqoshelisiwe amalungiselelo omdlalo wangomso.

Abadlali abafana noKagiso Rabada, Aaron Phangiso benze umsebenzi oncomekayo kumdlalo wangoLwesibini, kwaye kungenzeka angalenzi utshintsho kubo umqeqeshi.

chris.gilili@inl.co.za