USacha uqala umdlalo namakwenkwe amadala weRugby Championship

USacha Feinberg-Mngomezulu edlalela iqela lesizwe eFree State Stadium, eBloemfontein. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amabhokobhoko aza kuthathana ne’Australia emdlalweni weRugby Championship oza kube ungo-06:45 ngorhatya eBrisbane. Kudibana oomakad’ ezondana emdlalweni oza kube ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bombhoxo kwihlabathi lonke. Omabini amazwe aya emdlalweni efuna ukuphumelela, ingakumbi Amabhokobhoko asoloko ebuya esophisa emidlalweni ese’Australia. Azimisele ukucishilela iWallabies ebithiwe wambu lihlazo emva kokoyisakala kwayo kwitumenye yehlabathi eFrance.

URassie Erasmus uziphethe zonke iziqwayi zakhe ngoba ufuna ukoyisa emfazweni. Nakubeni abadlali bakhe abaqhelekileyo bekhona – kodwa ukhethe ukuqala umdlalo ngoSacha Feinberg-Mngomezulu njengeflayihafu naye uElrigh Louw phambili. Yena uCobus Reinach ungene endaweni kaBen-Jason Dixon. URassie uvakalise uchulumanco ukuqala umdlalo ngeedyongwana zakhe ezinekamva elihle kakhulu emva kokuziqaqambisa emidlalweni yovavanyo yakutshanje apha eMzantsi Afrika.

Indoda edume ngokukhabela ezipalini, uHandre Pollard, yenziwe ilalela ngoba uRassie ukhangela umdlali oza kuthatha indawo yayo ekuhambeni kwexesha ngenxa yeminyaka enayo. Umqeqeshi uthe uyakuvuyela ukudlala kukaSacha ngenxa yendlela alithathe kakuhle ngayo ithuba alinikiweyo emidlalweni yenyanga ephelileyo. “USacha wenze umsebenzi oncomekayo kakhulu emdlalweni emine esiyidlalileyo kulo nyaka. Indlela ayibambe kakuhle ngayo indlela yethu yokudlala indichulumancise kakhulu,” utshilo ethetha neentatheli.

Umdlali ekungecaci ukuba uza kuwuqala na umdlalo nguRG Snyman njenxa yokonzakala okubekwe phantsi kweliso elikhali loogqirha. Nakubeni uMakazole Mapimpi eqhube kakuhle emdlalweni obuphakathi kweSpringbok nePortugal, umqeqeshi ukhethe ukungamdlalisi kule mpelaveki. URassie ubabekile abanye abadlali ngoba uMzantsi Afrika uza kuphinda udlale umdlalo wesibini ne’Australia kwiveki ezayo. Emva koko iSpringbok siza kulungiselela ukudibana neNew Zealand.