USafranko uhlangule iSundowns emizuzwini yokugqibela emdlalweni weMNT8

UPavol Safranko ufake igowuli lakhe lokuqala emdlalweni weMTN8 obuphakathi kweMamelodi Sundowns neGolden Arrows obuseSugar Ray Xulu Stadium namhlanje. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Zithe xibilili izibilini kubaqeqeshi beMamelodi Sundowns emva kokuba izuze igowuli elibalulekileyo emizuzwini yokugqibela. Abafana Bes’thende, abebenethemba lokuphumelela emva kokuhamba phambili ixesha elide, babambene neSundowns ngegowuli elinye macala (1-1) emdlalweni obunzima weMTN8 Cup eSugar Ray Xulu Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Nangona iGolden Arrows ibicinezelwe yiSundowns emdlalweni – kodwa ibinawo amathuba okuwusonga umdlalo emva kwegowuli elifakwe nguNqobeko Dlamini emzuzwini wesithandathu kwisigaba sokuqala somdlalo.

UDlamini ukhabe ibhola entle ekude emva kokuphuma phakathi kwamadoda ngesitayile. Umkhwitsho obukhatshwa ngumoya wenze kwanzima kakhulu ukudlala ibhola – kodwa abadlali bamaqela omabini bazamile ukumelana nemeko. Nangona uJali, uSirino noCoetzee bebewulawula umdlalo, iSundowns ayikwazanga ukudlula kubadlali basemva beGolden Arrows. Kwisigaba sesibini, iSundowns inyuse igiya isiya phambili. Ikwazile ukudala amathuba angcono kunesigaba sokuqala – kodwa ngelishwa layo iDowns ibifika uSifiso Mlungwana ethe qwa ezipalini zakhe.

ULakay noSirino bazamile ukwenza abadume ngazo ngeebhola ezikude – kodwa uMlungwana ebechitha kwanto eya ezipalini. Kuthe kwakubonakala ukuba kuhamba ixesha iSundowns ingakwazi ukufumana igowuli lokulinganisa, abaqeqeshi bafake uThabiso Kutumela noPavol Safranko. Emva kokuxhathisa ixesha elide, ide yavuma iGolden Arrows. USafranko ufake ibhola ebikhatywe nguKutumela angene naye emdlalweni. Igowuli elifumeneyo iSundowns yinto eza kuyinceda njengokuba omabini amaqela eza kudlala umlenze wesibini ekupheleni kwenyanga yoMsintsi.

Golden Arrows: Mlungwana, Sibisi, Zuke, M.Dube, Cele, Dlamini, Ndwandwe, Mtshali, Mmodi, Magawana, M. Gumede.

Amalalela: Mbaeva, Mathiane, Mantshiyane, Ndlovu, Sibiya, Sabelo, Mbhele, Conco, Mutizwa.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Morena, Lakay, De Reuck, G. Kekana, Jali, Mkhulise, Coetzee, Sirino, Erasmus, Shalulile.

Amalalela: Mweene, Maluleka, Domingo, B. Onyango, Kutumela, Modiba, Maema, Safranko, Vilakazi.