USakala noogxa bakhe banqunyanyisiwe

Iindaba eziphuma kwinkampu yeBaroka FC zithi umqeqeshi oyintloko, uJacob Sakala noogxa bakhe, banqunyanyise ngabaphathi beqela ngoko nangoko namhlanje emini. UMark Harrison oyintloko kwimicimbi ephathelene nebhola kweli qela, unqunyanyisiwe naye.

Akukacaci okwangoku ukuba yintoni eyona nto ephembelele ukunqunyanyiswa kwabo – kodwa kucingeleka ukuba ukushenxiswa kwabo koyamene nokuqhuba kakubi kweBaroka FC kwimidlalo yePSL. Ukuzothi ga ngoku eli qela laseLimpopo lisemsileni kwaye alikaphumeleli namnye umdlalo kwelishumi elinanye eliyidlalileyo.

Emva kokubethwa kweBaroka yiChippa United kwiveki ephelileyo kumdlalo obuseNelson Mandela Bay Stadium – kwavakala iindaba ezithi abaphathi zange bazamkele kakuhle iziphumo kuba babenengcingane ethi iqela labo kwakufenele ukuba liwuphumelele umdlalo. UJacob Sakala uqeshwe ekuqaleni kwalo nyaka, engena endaweni kaKgoloko Thobejane – owaye wanikwa isikhundla sikasekela mqeqeshi, usuka neBaroka FC kwaNational First Division. Nangona iqela laligqugqisa kwaNFD – kodwa lifike lasokola kakhulu kumgangatho ophezulu.

Nangona kungekacaci okwangoku oyena mntu ozakungena kwesi sikhundla – kodwa kukhangeleka ngathi kungabuyiselwa uThobejane kumdlalo ozayo ophakathi kweli qela neBidvest Wits kwiveki ezayo.