USaleng uncede iPirates iquthise iChiefs emdlalweni wedabi

Abadlali beOrlando Pirates bebhiyoza emva kokufaka igowuli kwidabi laseSoweto neKaizer Chiefs kumdlalo weDStv obuseFNB Stadium. UMFANEKISO: Itumeleng English/ Independent Newspaper.

UMonnapule Saleng ube liqhawe emva kokunceda iOrlando Pirates ngokufaka amagowuli amabini ngethuba ibetha iintshaba zayo zaseSoweto iKaizer Chiefs ngo’3-2 kumdlalo weDStv Premiership eFNB Stadium ngenjikalanga yangoMgqibelo.

Omabini la maqela aye emdlalweni elangazelela iziphumo ezihle emva kokungaqhubi kakuhle kwimidlalo yawo yakutshanje, kwaye yiPirates emke nawo onke amanqaku.

IPirates inyukele kwindawo yesibini njengoko ibethe iChiefs kabini kwiDStv Premiership kule sizini.

Emva kokuba imidlalo yedabi ibibonakala ingenantlantsi kule minyaka idlulileyo, abantu abaninzi kwilizwe ngokubanzi bebengavuma ukuba umdlalo wangoMgqibelo ngomnye wemidlalo ebalaseleyo phakathi kwala maqela mabini aseSoweto.

UAshley du Preez ube liqhawe leChiefs emva kokufaka amagowuli amabini, kodwa uphele ekwiqela elingaphumelelanga nangona bebenkqenkqeza ngaphambili kabini emdlalweni.

Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu njengoko iChiefs ifake igowuli lokuqala ngoncedo likaPule Mmodi noDu Preez abadibene kakuhle babeka iChiefs phambili.

UDu Preez ubambe abadlali basemva bePirates belele wakwazi ukubetha uSipho Chaine ukubeka iqela lakhe phambili ngo’1-0.

IPirates isebenze nzima ifuna igowuli lokulinganisa, kwaye ilifumene ngomzuzu wamashumi amabini anesine ngethuba uMonnapule Saleng ebeka ibhola ngasemva kukaBruce Bvuma kwangu’1-1 macala.

Xa kusondele ixesha lokuphumla, uDeon Hotto wohluthwe ibhola nguYusuf Maart, owathi wayinika uPule Mmodi. UMmodi uyigqithisele ibhola uDu Preez ebeme yedwa jwi ebhokisini wafaka igowuli lakhe lesibini ebeka Amakhosi phambili kwakhona.

Nangona kunjalo, iPirates ikwazile ukufaka igowuli lokulinganisa ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe emva kwembumbulu ekhatywe nguThabiso Lebitso yaba ngu’2-2.

Ezimnyama Ngenkani ziye zankqenkqeza okokuqala emdlalweni emva kwegowuli lesibini likaSaleng.

IPirates iphose ibhola ngokukhawuleza, uPatrick Maswanganyi uyigqithise ngapha kodonga lweChiefs kuSaleng. USaleng wayitshipha ngapha konozintu weChiefs uBvume walibeka ngaphambili iqela lakhe.

Emva kwalo mdlalo, iPirates inyukele kwindawo yesibini ngelixa iChiefs ityibilike yaya kwindawo yesixhenxe kwiDStv Premiership.

Eminye imidlalo yeDStv Premiership edlala namhlanje:

Stellenbosch vs Cape Town Spurs @ 17:30.

Moroka Swallows vs Sekhukhune United @ 17:30.

SuperSport United vs AmaZulu @ 17:30.

Mamelodi Sundowns vs Chippa United @ 20:00.

Richards Bay vs TS Galaxy @ 20:00.