USandilands ufumene ikhaya kwi-Orlando Pirates

Wayne Sandilands of Mamelodi Sundowns during the 2013 Nedbank Cup game between Ajax Cape Town and Mamelodi Sundowns at Cape Town Stadium on 22 February 2013 ©Ryan Wilkisky/BackpagePix

Namhlanje
i-Orlando Pirates ibhengeze umdlali wesibini omtsha embhalisileyo phambi
kwesizini entsha. UWayne Sandilands – unozinti obefudula edlalela iMamelodi
Sundowns – uzakudlalela eZimnyama ukusukela namhlanje kude kuphele iminyaka
emithathu. Lo kaSandilands uzichithile iintente kwiSundowns emva kokuba
kungahlaziywanga ngokutsha isivumelwano sakhe sengqesho.

Nangona ethathwe
yiBucs nje uSandilands – kodwa ebengalifumani kakuhle ithuba lokudlala kwiDowns
ngenxa kaDenis Onyango – oyena nozinti othenjwe kakhulu nguPitso Mosimane. Lo nozinti
uyishiya iSundowns emva kokuhlala kuyo iminyaka esibhozo yonke. Wathengwa leli
qela lasePitoli kwiPlatinum Stars – apho wahlala iminyaka ephaya kwisine. Ngoku
uzakuhlala iminyaka emithathu kwiPirates ukuba izinto zimhambela kakuhle.

Ukusukela oko
kuvalwe isizini, uSandilands (33) ebesoloko esayanyaniswa namaqela aliqela
adlala kwi-Absa Premier Soccer League – kodwa yiPirates eyenze umtsi kuqala
yambhalisa ezincwadini zayo. “Sazisa uWayne Sandilans njengomdlali weBhakaniya.
Lo mdlali ityikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu emva kokuchitha
iminyaka emine kwiPlatinum Stars nesibhozo kwiMamelodi Sundowns
ngokulandelelana. Siyamamkela uWayne kolu sapho,” itshilo ingxelo ekhutshwe
yiBucs namhlanje.

Kwezi sizini
zimbini zidlulileyo okanye ukusukela oko kwathi kwabhubha uSenzo Meyiwa,
ayizange ibenaye unozinti ozinzileyo iPirates. Lo nto ithe yachaphazela kakhulu
indlela edlale ngayo ngakumbi kwisizini egqithileyo. UWayne uzakukhuphisana
noBrighton Mhlongo obesoloko inguye osesicocweni, uSiyabonga Mpontshane,
uJackson Mabokgwane no-Emmanuel Daniel kwiBucs. Umqeqeshi wePirates, uKjell
Jonevret, usebenzise uMpontshane noMabokgwane kakhulu ukusukela efikile.

Lo nozinti
ufika emva kokutyikitywa komdlali-siswini, uThamsanqa Sangweni, kwiveki
ephelileyo. Kulindeleke ukuba iPirates ichithe abadlali abathile, iphinde
ithenge abanye abadlali emva kweesizini engaqhubanga kakuhle kuzo. Ingakumbi kule
iphelileyo eyivale ihleli kwindawo yeshumi elinanye – indawo eyizibulayo
ukusukela oko kwasungulwa iPSL.