Ngomhla wokuqala kule nyanga yeKhala, kuvulwe ngokusesikweni ithuba lokuthengwa nokuthengiswa kwabadlali ngamaqela adlala kwi-Absa Premiership.
Onke amehlo athe ntsho kumaqela amabini: iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates, ngoba ahlaze abalandeli kwisizini edlulileyo ngokuyivala esonge izandla. Kube kubi ngakumbi kwiPirates ngoba ayikwazanga ukufumana indawo kwiTop 8 ekuvulwa ngayo isizini.
Ekuqaleni kwale veki, ugqirha Irvin Khoza, ubhengeze oyena mdlali obefunwa ngamaqela amaninzi, uThamsanqa Sangweni: inyathelo eliqhwatyelwe izandla ngabantu abaninzi njengelifanelekileyo elingabuyisa isidima seZimnyama.
USangweni usuka kwiChippa United kwaye ngoku uzakuhlala iminyaka emithathu kwiPirates. Ukudlalela iPirates yinto enkulu nakowuphi na umdlali osuka kwiqela elincinci. Kunzima ukudlalela iBucs ngenxa yabalandeli abanxanelwe impumelelo nembali yayo eMzantsi Afrika. USangweni unaso isiphiwo sokudlala ibhola kwaye okumnandi ngaye uphinda abengumdlali okhutheleyo. Ngenxa yezo zinto, akuthandabuzeki ukuba uSangweni angayifunqula iPirates futhi ancedisane nabadlali bayo abasezingeni eliphezulu nangona bengakwazanga ukuyihlangula ehlazweni kwisizini egqithileyo. Njengomdlali odlala esiswini, kuya kuxhomekeka kumqeqeshi ukuba usetyenziswa nabani phakathi kuka-Oupa Manyisa no-Issa Sarr – abazinjineli zePirates.
Akukho sizathu sibonakalayo esinokumbamba angaphumeleli uSangweni ngoba usendaweni ayithandayo – ivakele le nto kumazwi wakhe awathethe ngethuba esamkelwa nguKhoza. “Kuyandonwabisa kakhulu ukuba lapha. Ndizimisele ukwenza konke okusemandleni ukuze eli qela libuyele kwindawo yalo. Ndibulela zonke izinto abandenzele zona kwiChippa United,” utshilo uSangweni.
Lo mdlali ulandele ekhondweni lomkhuluwa wakhe uSiyabonga Sangweni – owabayinxalenye yePirates eyenza imbali ngokuphumelela iindebe ezintathu kwisizini enye kule minyaka idlulileyo phambi kokubeka phantsi ebholeni ngenxa yokwenzakala.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari