USangweni unikwe uxanduva yiChippa United

UThamsanqa Sangweni uchongwe njengoKaputeni weChippa United phaambi kwesini entsha yePSL. Umfanekiso: Backpage Pics

Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwiPremier Soccer league, iChippa United, lichonge umdlali siswini uThamsanqa Sangweni njengokaputeni omtsha noJames Okwuosa njengesekela lakhe.

Ezi nguqu zenziwa yiChippa kanye xa kusele iintsuku ezimbalwa phambi kokuvulwa ngokusesikweni kwesizini entsha ye-Absa Premier Soccer League ka’2016/17.

Eli qela lizinze eBhayi lisonga amalungiselelo walo wesizini entsha.

IiChilli-boys zizenzele imbali kwisizini yePSL ka’2015/15 ngokuthi ziyivale zikwindawo yesithandathu.

Ukusukela oko iChippa yadlala kwiPSL, ibiqala ukufumana indawo ephambili kwiPSL.

Kule isizini intsha umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, uzimisele ukwenza ngcono kune sizini edlulileyo.

Ukuchongwa kukaSangweni kunokwenzeka ukuba licebo lokubophelela lo mdlali ngokupheleleyo ukuze azinze kwiChippa emva kokuvakala kweengxalo ezithi ufunwa ngamaqela amakhulu afana neKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates.

Umdlalo wokuqala weChippa uzakuba seNelson Mandela Bay Stadium, eBhayi – apho izakuthi yamkele iFree State Stars ngoLwesibini weveki ezayo.