UScarra Ntubeni ubaxelele ngokubaluleka kwezemidlalo abantwana baseQunu

UScarra Ntubeni ngumdlali weDHL Stormers neqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Umdlali wombhoxo weSpringbok, uScarra Ntubeni,, ubashiye namazwi enkuthazo abantwana bezikolo zaseQunu, eMthatha. Le ndedeba, edlalela iqela lombhoxo laseNtshona Koloni, iStormers, ibihamba negqiza likaMTN neSpringbok ebelityelele eMbekela High Schol neN.Z. Mtirara High School – apho liphise ngezikipha zokudlala umbhoxo, ibhola ekhatywayo nomnyazi. UNtubeni, oyinzalelwane yaseQonce kwiphondo leMpuma Koloni, ubongoze ulutsha lwaseQunu – apho kwazalelwa khona owayenguMongame wokuqala omnyama uNelson Rholihlahla Mandela, ukuba lubambelele kwezemidlalo ngoba zihambelana ncamashi nemfundo. Akuxelele abafundi ubaqinisekisile ukuba kukona okumqinisileyo kuhambo lwakhe embhoxweni ukusukela ngo-2011 – unyaka awaqala ngawo ukudlalela iStormers neWestern Privince.

“Abantwana banawo umnqweno wokuphumelela ebomini babo,” uvule ngalo mazwi uNtubeni. “Kodwa abanye baye batyhafiswe zizinto ezifana nokuba kufuneka ufunde kwindawo ethile ukuze ufikelele kwiindawo ezithile. Ngokufika kwabantu abafana nam apha ndifuna ukubaxelela ukuba nam ndiphuma kwiindawo ezinje,” utshilo. UNtubeni ubalule izizathu ezibangela afune ulutsha lubambelele kwezemidlalo. “Ndifuna ukuthi ebantwini abatsha mabaqhubele phambili nemizamo yabo. Nokuba abafikelelanga kwinqanaba eliphezulu kwezemidlalo ngoba zona zingabavulela iminyango kwizinto ezifana nemfundo. Mabahambele kude kwiziyobisi nakwizinto ezifana notywala.

“Yandisebenzela lo nto mna. Ndandidlala nabantu ababhetele kum – kodwa bona batyhafa endleleni. Ezemidlalo zikufundisa izinto ezininzi ngobomi. Enye into ufunda nendlela yokusebenza nabantu, ukuphatha abantu nokuhlonipha. Zizinto endizifunde embhoxweni ezo endizisebenzisa nasebomini bam. Ngoku nokuba kunzima – kodwa ndiyakwazi ukunyamela ngoba isilo lam ndilibeka kwiziphumo zento endiyenzayo,” utshilo uNtubeni. Ngokokutsho kukaMaria Soars Van Niekerk, uMTN unephulo lokujikeleza iphondo lonke njengoko ezama ukusabela iingxaki zabantu abasebenzisa iingcingo zamaza wenkampani yabo.