USead Ramovic ubancomile abadlali bakhe emva kokubetha iSundowns izolo

ULifa Hlongwane weTS Galaxy noThabiso Kutumela weMamelodi Sundowns emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLoftus Versfeld Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weTS Galaxy, uSead Ramovic, uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokuba iqela lakhe lothuse umzi ngokubetha iMamelodi Sundowns izolo. Iqela likaTim Sukazi liyibethe ngenqaku elinye eqandeni (1-0) iSundowns emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium ebusuku izolo. URamovic ubaqhwabele izandla abadlali bakhe abenze umsebenzi oncomekayo. Akukho mntu ebelindele ukuba iTS Galaxy ingabetha iSundowns ekunzima kakhulu ukuyibethela ekhayeni layo. Isiqingatha sokuqala silawulwe yiSundowns – kodwa iTS Galaxy yenze izinto ezmbini kakuhle: ifake igowuli yakugqiba yavala emva.

Abalandeli beDowns bacule bancama, iqela labo lizame konke kwisigaba sesibini eliqhele ukwenza emidlalweni – kodwa iGalaxy khange ivume ukuvula. Igowuli eziphumelele ngalo iindwendwe lifakwe nguLifa Hlongwane. URamovic uthe impumelelo ezuzwe liqela lakhe abazukuyivumela iphazamile iingqondo zabadlali bakhe. “Size apha sikubethelele ukwenza umsebenzi ngobumbano emva. Yonke into siyenze ngendlela ebesicwangcise ngayo phambi komdlaalo,” utshilo uRamovic. “Ndiyayincoma indlela iqela elidlale ngayo. Sidlale kakuhle kuzo zonke izigaba zomdlalo. Le yindlela eza kusinceda siqokelele amanqaku. Ewe, mandivume iSundowns idlale kakuhle. Kusivuyisa kakhulu ukoxutha amanqaku kuyo.

“Kodwa ke isizini isaqala. Into ebalulekileyo ngoku kukuzilolonga sizame nokuphucula iindawo esenze kuzo iimpazamo phambi komdlalo wethu olandelayo,” utshilo uRamovic osindise iTS Galaxy ezembeni kwisizini egqithileyo. Umqeqeshi ukwathe zikhona iimpawu kwiqela lakhe ezibonisa ukuyibamba indlela afuna lidlale ngayo. “Sikwazile ukugcina iqela elisemgangathweni. Bakhona abadlali abambalwa esibongezileyo kwaye bayasondela kwindlela endifuna badlale ngayo,” utshilo uRamovic. Amadoda afana noBathusi Aubaas, uEbrahim Seedat, uPogiso Sanoka noGiven Msimango ngawona aqinisekise ukuba iTS Galaxy iphumelela umdlalo wayo wokuqala wesizini entsha. Ngoku iGalaxy inamanqaku amane ebhodini.