USead Ramovic ubeke iliso lakhe kweyeDStv Premiership

Emva kokuba iTS Galaxy ingakwazanga ukuphakamisa indebe yeCarling Knockout kwiveki ephelileyo, ngoku ibuyela emidlalweni yeDStv Premiership ngokukhulu ukuzimisela. Iqela likaTim Sukazi alikwazanga ukuzuza indebe yalo yesibini emva kokuba libethwe yiStellenbosch FC kumapenela emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium, eThekwini.

Okubalulekileyo ngoku kumqeqeshi weTS Galaxy, uSead Ramovic, kukuqinisekisa ukuba iqela lakhe liyasuka endaweni embi elizibhaqa likuyo.

Into eza kubakhuthaza abadlali bakhe kukuba iRichards Bay neCape Town Spurs zisengaphantsi kweqela lakhe ngamanqaku. URamovic uthe eyona nto efunwa liqela lakhe kukudlala kakhuhle kwiDStv Premiership ngaphezulu kuneCarling Knockout esongwe kwiveki ephelileyo.

“Into ebalulekileyo kuthi kukuqhuba kakuhle kwiDStv Premiership. Kufanele sizenzele umsebenzi lula ngokuthi injongo yethu kukuhlala kwiDStv Premiership,” utshilo uRamovic emva kokuphoxeka kweqela lakhe kutshanje.

“Kodwa andizelanga apha kwiTS Galaxy ukuhlala kwiDStv Premiership kuphela. Zikhona ezinye izinto ezinkulu ekufanele sizenze. Sisesekhondweni elihle futhi nabadlali bethu bazimisele kakhulu,” utshilo umqeqeshi.

Namhlanje iTS Galaxy ibuyela kwiphondo laKwaZulu-Natal – apho iza kudibana neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership. Omabini amaqela aza kulwela ukufumana amanqaku apheleleyo ngoba akakhe kwiindawo azithandayo.

Abafana Bes’thende babethwe emidlalweni emithandathu yonke. Njengokuba bedlalela ekhaya, baza kufuna ukubuyisa isidima sabo phambi kwabalandeli bawo. Kanti amanqaku amathathu angabakhuthaza abadlali beTS Galaxy phambi kokuvala unyaka.

Umdlalo uza kuqala ngentsimbi yesithathu emalanga. Njengokuba amaqela elungiselela ukuthenga abadlali ekuqaleni konyaka ozayo, uRamovic uthi unabadlali aboneleyo. “Sinenani labadlali aboneleyo. Andiqondi ukuba kukho imfuneko yokuthenga abadlali abatsha. Siza kungena kwiTop 8 xa kuphela isizini kwakhona,” utshilo umqeqeshi.