Umqeqeshi weTS Galaxy, uSead Ramovic, akonwabanga kwaphela, kweli ityeli, ngenxa yokunganconywa kweqela lakhe ngabantu athi ziingcali zebhola ekhatywayo. Iqela laseMpumalanga lidlulele kwisigaba esilandelayo seNedbank Cup emva kokuba libethe iGolden Arrows ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obusebuku ngoLwesihlanu wale veki iphelayo eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal. Kanti kwelinye icala, iTS Galaxy iqhuba kakuhle nasemidlalweni yeDStv Premiership.
URamovic uthi iingcali ezihlalutya ibhola ekhatywayo bezifanele ukuva zincoma kakhulu abadlali bakhe emva kokuba bephumelele imidlalo emine ilandelelana kwiPSL. Le ndedeba yaseSerbia ithi ukuveliswa kweziphumo ezincumisayo amatyeli elandelelanga ngabadlali bakhe kukona kwenze laqapheleka iqela lakhe. “Ngabadlali bam, hayi mna, abafanelwe kukunconywa. Akukho nto endiyifunayo mna. Ndifuna ukuncoma iqela lonke, ngakumbi abadlali, ngokwenza umsebenzi omhle – kodwa abancinywa,” utshilo uRamovic.
Uthi iqela lakhe lijike emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout kule sizini futhi nakwiDStv Premiership liqhuba kakuhle emva kokutyhuthulwa kwako ngamaqela amakhulu – kodwa iingcali zebhola kumabonakude azilincomi tu. “Sidlale kakuhle emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout. Ngelishwa zange siphumelele. Emva kokuthengwa kwabadlali bethu abaninzi, kukho abantu ababecinga ukuba iza kuhexa iTS Galaxy. Khange kube njalo. Mihlanu imidlalo siyiphumelela kungekho lula,” utshilo uRamovic.
“Ndiqinisekile ukuba naliphi na iqela elikwazileyo ukuphumelela imidlalo emihlanu ilandelelana bekufanele ukuba lingundabamlonyeni. Andazi kutheni iingcali zingathethi ngabadlali bam. Emdlalweni esiphuma kuwo, umdlali wethu wasenxele uncedise kakhulu emdlalweni. Ngoku emidlalweni emithandathi, mabini kuphela amagowuli afakwe kuthi,” utshilo uRamovic ezityanda igila emva komdlalo obuseThekwini. Kwiintsuku ezigqithileyo ubhodle idangatya emva kwento athe kukugezelwa nguRulani Mokwena akwathi lixoki.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!