Emva kweveki enye kuhambe uRulani Mokwena, kuvakele iindaba ezithi uSead Ramovic ufunwa yiRaja Casablanca yaseMorocco. Ukufunwa kwakhe uRamovic kungqiniwe nguSihlalo weTS Galaxy ngempelaveki egqithileyo watsho esithi uyamkhulula umqeqeshi wakhe ukuba ahambe ukuba uyafuna.
Oku kudale ingxoxo kumakhasi onxibelelwano ngoba ukuba uRamovic angaya kwiRaja, oko kungathetha ukuthi angaphinda angquzulane noMokwena weWaydad Athletics Club angavaniyo naye. La madoda mabini anexesha elide ethiyene futhi anqandwa efuna ukubambana kwisizini ephelileyo.
Emva kokuba iTS Galaxy ibambene neMbabane Swallows emdlalweni weMpumalanga Premier’s International Cup ngempelaveki edlulileyo, uRamovic uyigalele amanzi into yokufunwa kwakhe liqela eliphambili eMorocco ngelithi akafuni ukukhathaza abadlali bakaRulani Mokwena abangabadlali beMamelodi Sundowns.
Kukho ityala elisenkundleni ngenxa yomlo ophakathi kukaRamovic noMokwena. Abaphathi beTS Galaxy bamangalela uMokwena owatyhola uRamovic ngokukhuthaza abadlali bakhe ukuba badlale kakubi uBongani Zungu.
“Ndingumqeqeshi weTS Galaxy. Ndakhe ndeva umhlobo wam okhethekileyo uRulani esithi abadlali bakhe bamfowunela bekhala emva kokugxothwa kwakhe. Andifuni ukuya eMorocco ngoba hleze abadlali beSundowns bakhale nabantwana babo kwakhona.
“Masihlale ngoxolo, siyakuvuyela nokuya kwakhe kwiWydad Athletic Club. Ndiselapha kwiTS Galaxy futhi ndonwabile,” utshilo uRamovic eqhula ngendoda angavaniyo nayo. Ukhululwe nguTim Sukazi – kodwa akukacaci nokuba uza kuvuma na ukuya kwiRaja Casablanca ebikade iqeqeshwa nguJosef Zinnbauer.
Eminyakeni embalwa ayihleli eMzantsi Afrika abeqala ukusebenza kuyo, uRamovic uzenzele igama ngokwakha iTS Galaxy ekwaziyo ukubetha amaqela amakhulu. Kwisizini egqithileyo ingene kwiTop 8 yaphoswa kancinci yindebe yeCarling Knockout abethwe kuyo yiStellenbosch FC.
Ethetha ngomdlalo wokucweya, uthe iziphumo zomdlalo azimxhalabisi ngoba yinxalenye yamalungiselelo wesizini ezayo. “Into ebalulekileyo ziinzame ezenziwe ngabadlali. Ndifuna sibeke iingqondo zethu kwindlela esifuna ukudlala ngayo yonke imihla. Kufuneka siqinise ukwenza kwethu ukusukela ejimini ukuya emidlalweni,” utshilo uRamovic kwiSABC Sport.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo