USedibe uyifuna izigidi ezihlanu iSAFA

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika i-SAFA ukungqinile izolo ukuba ufumene amaphepha omthetho asuka kobeyingqonyela yalo mbutho uLeslie Sedibe.

USedibe ebesandula ukubhangiswa yiSAFA kuzo zonke izinto ezidibene nebhola ekhatywayo, isithuba esingange- minyaka emihlanu.

USedibe ufuna ukubhatalwa imali engaka ngezigidi ezihlanu zamawaka eerandi, le mali uyifuna kubasebenzi ababini beSAFA. Aba basebenzi ubathyola ngokungcolisa igama lakhe.

Lo kaSedibe noligqwetha ngoko msebenzi wakhe, wazifumana ebandakanyeka kwibholo lokuthengwa kwemidlalo eyayidlalwa yiBafana Bafana, kanye phambi kokuba kudlalwe indebe yehlabathi ka2010. Ngoko uSedibe wayeyingqinyela yeSAFA. Lo kaSedibe ufuna izigidi ezihlanu zeerandi kwingqonyela yeSAFA ngalo mzuzu uDenis Mumble kunye nomnye umsebenzi weSAFA uLindile Kika. Uthi esi sibini sisebenzisene ukungcolisa nokurhuqela edakeni igama lakhe, ngombiza nje ngemenemene.

Umbutho olawula ibhola ehlabathini i-FIFA uthe lo kaSedibe uphazamisene nemithetho yawo ethile, emayelana nendlela yokuziphatha xa ebesombulula le nyewe. Ngaphandle ngokubhangiswa iminyaka emihlanu, uSedibe ukwalindeleke ukuba abhatale imali engaka ngamakhulu amabini amawaka eSwiss francs.

Yena usidibe umile kwelokuba akanatyala kuyo yonke lento, kwaye uzimisele ukuba ayokuma ezinkundleni neSAFA.