Umqeqeshi omtsha weSekhukhune United, uLehlohonolo Seema, uthi iqela lakhe liza kulwela indebe yeBetway Premiership ingaphelanga iminyaka emithathu ukusukela ngoku. Oku kuphenjelelwe kukuqhuba kwayo kakuhle iSekhukhune United kwisizini eyivale ingaphakathi kwiTop 8 edlalelwa ngamaqela aphokeleyo ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika rhoqo xa kuqala isizini entsha.
USeema ukuthethe oku kwincoko yakhe nomsasazi weSABC Sport kutshanje emva kokubuyiselwa esikhundleni sakhe. Abaphathi beqela bambize esesikolweni eLusuthu – apho ebesenza khona izifundo ngokuqeqesha okusemgangathweni ophezulu.
Oku kwenzeke emva kokuba iSekhukhune igxothe uPeter Hyballa ekuthiwa wabhaqwa kwividiyo yakhe esenza isondo namanenekazi athengisa ngomzimba eGoli. UHyballa ufike ekuqaleni kwenyanga yeKhala kulo nyaka engena endaweni kaSeema owayegxothiwe – kodwa akwacaca ukuba wayenzeni egwenxa. Ubuyile ngoku enethemba lokwenza bhetele.
Ethetha kwiMetro FM, umqeqeshi uthe okwenzeke ngaphambili kudlule into ayijongileyo ngoku kukwakha iqela elomeleleyo. “Akucaci nokuba bendike ndahamba futhi akukho nto engumqonga ekuthiwe mandiyenze,” utshilo uSeema ekuqaleni kwale veki.
“Emva kokunikwa umsebenzi, kwathiwa masisebenze siphucule iqela. Savala isizini kwindawo yeshumi elinanye kuqala, kwalandela eyesixhenxe kwephelileyo sivale sikwindawo yesine. Andiqondi ukuba yinto enzima leyo ukuyenza,” utshilo.
USeema uqinisekisile ukuba uSihlalo weqela akafuni badlali abaza kuthengiswa. “USihlalo wathi masijonge ukuba asingeke senze bhetele na kwiConfed Cup okanye sifumane indawo yesithathu kwiBetway Premiership.
“Phambi kokuba kuphele isivumelwano sam, kufanele ukuba sibe siyenzile lo nto. Ndinalo ithemba, eminyakeni emithathu, kufanele silwele indebe. Ndizisikele ixesha eliyiminyaka emithathu,” utshilo uSeema ongenalo ithamsanqa lokuhlala ixesha elide kwiqela aliqeqeshayo.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo