Ufumene ikhaya elitsha uLehlohonolo Seema. Oku kwenzeke emva kokuba ebhengezwe njengomqeqeshi omtsha weSekhukhune United. Le ndedeba, eyayidlalela iPirates neCeltics ngentsuku zayo zobutsha isengumdlali webhola ekhatywayo, igaleleke kwiSekhukhune emva kokuba ibeke phantsi iintambi njengomqeqeshi wePolokwane City.
Asichazwanga isizathu sokuhamba kwakhe uSeema. Kodwa kucace okwekati emhlophe ehlungwini ukuba ukubeka kwakhe iPolokwane City kwindawo yesithandathu emva kwemidlalo elishumi elinambini kumenzele umkhitha. Iqela laseLimpopo ulishiye lineshumi elinesixhenxe lamanqaku waphida walisa kumjikelo wesibini kwiCarling Knockout eqhubekayo.
USeema uza kungena endaweni kaBrandon Truter – oye wakhululwa liqela kwiiveki ezigqithileyo nangona iqela belingaqhubi kakubi emidlalweni yeDStv Premiership kwisizini eqhubekayo.
Emva kwakhe kulandele obeqeqesha oonozinti, uJohan Abselon. Bane abaqeqeshi abebegxeleshwe yiSekhukhune United – kodwa abaphathi bayo baphume noSeema ngenxa yesetifiketi (CAF A License) esimnika ulungelo lokuqeqesha emidlalweni yeCAF efana neConfederation Cup.
“Sifuna kwazisa ukuba uLehlohonolo Seema ngumqeqeshi weSekhukhune United,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela kumakhasi onxibelelwa ekuqaleni kwale veki.
Umbuzo: ingaba uSeema uyiphathele ntoni na iBabina Nako? Akafunanga ukwenza izithembiso uSeema ngoba unethemba lokuba ziziphumo eziza kumthethelela. “Ndifuna ukuthatha eli thuba ndibulele uSihlalo weqela, uMnu. Simon Malatji, ngokundinika umsebenzi wokuqeqesha iSekhukhune United.
Okundichulumancise kakhulu yindlela entle iingxoko phakathi kwam neqela ezichotshelwe ngayo. Mninzi umsebenzi esijongene nawo. Kufuneka ndiyitshaye isaqhuma. Akukho zithembiso endiza kuzenza. Into endiza kuyinika iqela kukusebenza kwam kakuhle nokuzinikela emsebenzini wam,” utshilo uSeema, osindise iChippa United ezembeni kwisizini egqithileyo yakugqiba yamlahla kwesinomhlwa.
UKhoza uthe jize uKaizer Motaung ngesipho esixabisa izigidi ezibini zerandi