USeema uzigobha amacala emva kwempumelelo yePolokwane City

Umqeqeshi wePolokwane City, uLehlohonolo Seema, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokuzuza impumelelo yokuqala kwisizini eqale kwiveki ephelileyo. IPolokwane City izibethele iStellenbosch FC ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obunzima e’Old Peter Mokaba Stadium izolo ebusuku. Igowuli ephumelele ngalo iPolokwane lifakwe ngu-Ismael Toure ngempazamo ezipalini zakhe emzuzwini wamashumi amathathu anesihlanu kwisigaba sokuqala somdlalo. Njengeqela elibuyele kwiDStv Premiership kutshanje emva kokutshatshela kwiMotsepe Foundation Championship, abaqeqeshi balo bafuna isiqalo esihle sesizini ukuze bakhawuleze baqokelele amanqaku oneleyo.

Ibethwe yiCape Town City ngegowuli elinye iPolokwane kwiveki ephelileyo emizuzwini yokugqibela emva kokunyamezela izithonga emdlalweni wonke. Emva komdlalo, uSeema uvumile ukuba bekungelulanga kwaphela ukuqubisana neStellenbosch. “Ndifuna ukubancoma abadlali bethu. Badlale kakuhle kakhulu kulo mdlalo wanamhlanje,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo izolo echwayiyile emva kokuzuza impulelo yokuqala. “Ndifuna ukuncoma nosihlalo weqela ngoba ubathembile abadlali bakhe emva kokulinyusela kwiDStv Premiership. Waliqala nabo iqela. Ukhethe ukubagcina endaweni yokuzisa abadlali abatsha eqeleni lakhe njengamanye amaqela amaninzi.

Ukubathemba kwakhe kuyabonakala nakwindlela abazimisele ngayo abadlali. Ibe lilishwa nje ukufakwa kwegowuli kuthi ngomzuzu wokugqibela kwiveki ephelileyo. Khange isityhafise lo nto ngoba sathatha okuhle esikwenzileyo. Namhlanje ibonakele lo nto. Kuyasichulumancisa ukufumana impumelelo yethu yokuqala phambi kwabalandeli bethu. Kunzima ukudlala neStellenbosch – kodwa sikwazile noko ukuqubisana nayo,” utshilo uSeema osindise iChippa United kwisizini egqithileyo yakugqiba yathi makahambe. Emdlalweni olandelayo, iPolokwane City iza kudibana neCape Town Spurs eseyibethwe kabini kule sizini emva kokunyuselwa kwayo ekupheleni kwesizini egqithileyo.