USemenya ugxeleshe enye iGolide

Imbaleki yoMzantsi Afrika uCaster Semenya eNgilane umfanekiso: EPA/SEAN DEMPSEY

Iimbaleki zelizwe loMzantsi Afrika zenza iziqwenga kwiChampionship ebanjelwe eLondon kwilizwe laseNgilane. Phakathi kweembaleki ezenza iziqwenga nguCaster Semenya.

USemenya uphumelele iwonga lebronze kutshanje emva kokuzigxama kugqatso olungumgama oyi-1500 yeemitha. Njengomntu osele esaziwa ngkuphuma phambili xa ebaleka, isimanga le ntokazi iyivuyele futhi yayamkela indawo eyifumeneyo.

Kuthe kanti usanyela iintambo ngoba emva koko ulandelise ngeGolide kwi-800m. USemenya, 26, uzibambele indawo yokuqala ngokwenza imbali entsha ngokuthi abaleke imizuzwana engaphezulu kancinci kwengamashumi amahlanu anesihlanu (55:16).

UCaster uya ekhula ngokukhula kwezembaleki kwinqanaba lehlabathi. Ngamaxesha onke esiya kwiitumente ezinkulu uya ezilungiselele ngokupheleleyo. Kukho into abantu abathile abasoloko bezama ukumtheza ngayo amandla kwiitumente ezikumila kunje: le yesini. Kukho abantu abamchasileyo abacinga ukuba indlela adalwe ngayo imenza abenamandla athe chatha kunoogxa bakhe.

USemenya uyintshatsheli ye-Olimpiki ka-2016, intshatsheli yeChampionship ngo-2009 kwaye ngoku kukho ithemba lokuba angafumana iintshinga ezimbini emva kokuba kusikwe iimbaleki yaseRussia egama linguMariya Savinova-Farnosova ngenxa yokufunyaniswa esebenzise izinto ezingafanelekanga emzimbeni wakhe ngethuba ephumelela kwi-Olimpiki ka-2012 neentshinga zehlabathi ngo-2011.

“Ndiyanithanda apha eLondon kakhulu ngoba ndiziva ndisekhaya. Ndandikade ndisithi yiBerlin ephuma phambili – kodwa kukho into enomahluko ngabantu balapha,” utshilo uCaster emva kokuphumelela iGolide.

“Mna ndinethamsanqa ngoba ndineqela elindincedayo kakhulu. Ndibulela kakhulu kubo, ndiyayithanda into eyenzeka eLondon. Abalandeli bezembaleki bandiphakamisele phezulu kakhulu,” utshilo uSemenya.

Ebuzwa ngokophula imbali kaJarmila Kratochvilova ngo-1984, le mbaleki ithe: “Mandiyicacise – leyo iyakufuna uqeqesho kakhulu. Ndifumene kwi-Olimpiki, kwiWorld Champs nakwiCommonwealth – mhlawumbi lifikile ixesha lokuba ndenze imbali entsha kwihlabathi. Ndiyazi inzima lo nto – kodwa ndizimisele ukuzama,”