USemenya wenze irekhodi elitsha

Imbaleki yoMzantsi Afrika, uCaster Semenya, wenze elinye irekhodi kwakhona lokubaleka kwixeshana elingephi, wabonakalisa nokuba uzakuba yenye yeembaleki ezifuna ukuqwalaselwa kwimidlalo ye-Olimpiki, eRio.

Oku ukwenze ngelixa ephumelela ngendlela elula kakhulu kukhuphiswano lwe-800m obeluqhuba eMorocco ngeCawa.

USemenya uqhube kakuhle ngaphezulu kokuba ebenzile eDoha kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Ubaleke ngokukhawulezileyo ngemizuzwana emibini kweli tyeli, wamshiya wamqhumisela uFrancine Niyonsaba obekade eyintshatsheli. USemenya uphumelele ngomzuzu omnye nemizuzwana eyi’56:64.

Eli lelona xesha likhawulezileyo likhe lenziwa nguSemenya emva kweminyaka emihlanu. Obekade eyintshatsheli yehlabathi * -Eunice Sum yena ebeshiyeke kakhulu kuba ufumene indawo yesine. “Yinto encedisayo ekwenyuseni umoya wam into yokushiya abantu kwibala elikhulu njengeli. Kufuneka ndiqhubeleke nokuziqeqesha nzima, ininzi impumelelo endilindeleyo,” utshilo uSemenya.