Umdlali wasephikweni notyikitywe yiSpringbok Sevens, uSeabelo Senatla uqinisekile ukuba lisekhona ithuba lokuba angadlala kwiSuper Rugby yalo nyaka kwiStormers.
USenatla ebebhengeziwe kubadlali abalishumi elinesibini beBlitzbokke, nabazakuya kudlala imidlalo emibini yehlabathi yeeSevens, eWellington ekupheleni kwale nyanga, kunye naseSydney ekuqaleni kwenyanga ezayo.
Lo mdlali nodume kakhulu ngesantya anaso, ngomnye wabadlali ababalulekileyo kwiiSevens njengokuba zilungiselela nokuya kukhuphiswano lwaseRio, ngo-Agasti.
Kodwa xa kuphela olu khuphiswano lehlabathi ngoMeyi, uSenatla anganalo ithuba lokuba adlale kwimidlalo emithathu yokugqibela yeSuper Rugby kwiStormers. Kanye emva kwekhefu likaJuni.
USenatla unesivumelwano esihle neSARU, kunye neWestern Province nesimvumelayo ukuba adlale yonke isizini yeeSevens, aphinde abuye kwiWestern Province xa kufikelela ukhuphiswano lweCurrie Cup. Kodwa ngamanye amaxesha uye afumaneke nakwiStormers, xa kuphele isizini yeeSevens.
Lo mdlali uxakeke kakhulu, kuba udlala unyaka wonke.
“Kum imayela nokuba ngumntu omtsha, ndiyakonwabela ukudlala umbhoxo kangangokuba ngase ndidlale ngalo lonke ixesha. Kodwa bandiphethe kakuhle kwiiSevens nakwiWestern Province,” utshilo uSenatla.
“Andikathethi noRobbie Fleck, njengomqeqeshi obambeleyo kwiStormers, ixesha elide. Kodwa kukho indlela entsha, abazakusidlalisa ngayo kwiiSevens , kodwa ke siza- kubona ukuba isiqhuba njani na.
Ndicinga ukuba imidlalo ye-Olimpiki lelona xanduva ngoku, kwaye ukuba umqeqeshi uNeil Powell uthi mandiphumle, ndizakwenza njalo.”
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo