USenatla ugxeleshe ukungena kwiSpringbok

Okwangoku udlalela iqela lesizwe labadlali abasixhenxe, iBlitzboke, kodwa ngokokutsho kukaJohn Dobson, uSeabela Senatla, ufuna ukudlalela iqela lesizwe lombhoxo – AmaBhokobhoko.

Lo mdlali odlala ephikweni kwiStormers uzimisele ukuqinisekisa okokuba uyabizwa ngabaqeqeshi beSpringbok kwisizini ezayo.

USenatla sele ezibonakalisile kwiBlitzboke kwiitumente zehlabathi ezifana neWorld Sevens, kwimidlalo yamazwe angamathanda nakweyeOlimpiki ebibanjelwe eRio de Jeneiro kwelaseBrazil ngo2016.

Ukusukela kwisizini ezayo, kulindeleke uSenatla adlalele iStormers kwitumente yombhoxo enkulu ekuthiwa yiVodacom Super Rugby.

“USeabelo uza kuba yinxalenye yeStormers ngokupheleleyo kwisizini ezayo. Ndingatsho ukuba ucinga ukuba angawadlalela AmaBhokobhoko. Leyo yinto azimisele ukuyenza kwisizini ezayo,” utshilo uDobson kutshanje.