Abalandeli beKaizer Chiefs basahleli exhaleni ngoba iqela labo alikalibhengezi igama lomntu oza kuliqeqesha kwisizini ezayo. Nangona kunjalo, akuthethi kuthi abaphathi beChiefs basonge izandla. Kuyaziwa ngoku ukuba iChiefs ifuna uNasreddine Nabi waseTunisia osaqoqosha izinto zakhe kwiMorocco Botola Pro League.
Okuza kuxolisa abalandeli kukuva ukuba uNabi uvumile ukuba Amakhosi athethile naye ngesikhundla sokuqeqesha esingenamntu kwelona qela elinabalandeli abaninzi ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika.
UNabi, 58, uzityande igila ngokuza kwenzeka ebomini bakhe emva kokuba iAS FAR Rabat ibethe iFUS Rabat ebusuku ngoLwesihlanu ogqithileyo. Kodwa ngelishwa layo iAS FAR kaNabi, iRaja Casablanca iye yathweswa njengeentshatsheli zePro League.
“Andikrwecwanga liqela laseSouth Africa kuphela. Zininzi izinto eziphambi kwam – kodwa ndiza kuba nentlanganiso noMongameli weqela sithethe ngezo zinto,” utshilo uNabi uwajika endleleni esiza kwiChiefs engazange ivume aze nabantu abathandwa nguye kunyaka opheluleyo. Endaweni yakhe yafaka uMolefi Ntseki.
Kule veki, isizini yaseMorocco iyavalwa. Emva koko kulindeleke ukuba uNabi ajongise umbombo eMzantsi Afrika – apho ajongwe khona ngamehlo abomvu. “Ingqondo yam isesemdlalweni esiza kuwudlala neMaghreb Fez.
Ndizamile ukubakhuthaza abadlali emva kokuwa phantsi kwelinge lethu kwiPro League ngelithi lisekhona ithuba lokuba siphumelele indebe,” utshilo uNabi emva komdlalo ogqithileyo. Umdlalo olandelayo uza kudlalwa ngeCawe kule veki. Emva koko, kulindeleke ukuba yenze isibhengezo.
Yindoda ezibaluleyo kwicala lokuthatha iindebe. Kanye le nto ifunwa yiChiefs. Eminyakeni edlulileyo, uNabi uthathe iindebe eziliqela esengumqeqeshi weYoung Africans edlala kwiTanzanian Premier League. Amakhosi anethuba elingaphaya kweshumi leminyaka engaphakamisi ndebe.
Emva kokuba Amakhosi evale isizini ekwindawo yeshumi, uNabi kufuneka abumbe iqela eliza kudlala bhetele. Baninzi abadlali abahambayo futhi iChiefs ayikathengi mdlali ngoba ilinde uNabi.
Ufuna amaqanda amaninzi kwiinkukhu zakho?